Aah!!! Lwaganda: UKumkani uNgqika

Le yiKumkani yesizwe samaRharhabe ezelwe ngonyaka ka1778 waza wakhothama ngo1829, ingcwaba layo liphezu komlambo iKeiskamma eQoboqobo. Ungunyana kaKumkani uMlawu ozalwa nguRharhabe yena ozalwa nguKumkani uPhalo wamaXhosa. Iingcali zembali zimchaza ukuba yenye yamadoda ebechubekile kakhulu kwiKumkani ezakhe zabonwa kwisizwe esimnyama.

Kaloku nguye uLwaganda owavumela abaseluhlangeni ukuba baqale amaziko aphambili wemfundo ephakamileyo, izikolo zamabanga aphantsi kwakunye netyalike.

Ukwakhiwa kweFort Hare, iLovedale, iHealdtown, iSt Mathews namanye amaziko kwaba ziziphumo zokuvumelana kwakhe nabaseluhlangeni ababengxamele ukufaka imfundo yasemzini.

Oonyana bakhe nabazukulwana bakhe balwe ngamandla namabutho wamaNgesi awayengxamele ukuthatha umhlaba kaRharhabe izihlandlo eziliqela.

Ngonyaka ka2009 uSakhumzi Somyo engusodolophu wesithili saseAmathole watyhila ngokusesikweni ilitye lengcwaba lika Kumkani uNgqika.

Eli lingcwaba likaKumkani uNgqika wamaRharhabe phezu komlambo iKeiskamma. UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA