Aah!!! Zanzolo: Kucocwa ingcwaba likaHintsa!

Ikumkani yamaXhosa uZwelonke Sigcau

Sikhokelwe yiKumkani yaso isizwe samaXhosa sicoca ingcwaba leKumkani yesizwe eNqabarha uKumkani uHintsa.

Ingxelo yela komkhulu ithi lo ngumbono weziko lemfundo iKing Hintsa ngelinika imbeko esi sangxa sasemaTshaweni. UKumkani uZwelonke Sigcau uvakalise imivuyo yakhe ngenxa yeli nyathelo esithi kuyabavuyisa oku.

“Sikhona nje sisizukulwana sakhe, siyazingca ngaye uTshawe ngenxa yokuba walwa amadabi anzima ekhusela isizwe nomhlaba kaXhosa, sada sawufumana nathi nangona ungaphelelanga nje,” ucacise watsho uSigcau.

Uthi uzakuba ekhokele igqiza leeNkosi zamaTshawe ezizakuba zibeka iintyantyambo engcwabeni lale ngqanga yamaXhosa.

“Kuza kucocwa eli ngcwaba phaya eNqabarha ukuze kamva silikhaya sibeke iintyatyambo engcwabeni lakhe ngelibonisa imbeko nokumkhumbula uKumkani,” uthethe watsho uSigcau.

Ingxelo yekomkhulu ithi ngomhla weshumi elinesibini kule nyanga kuza kuqhutywa isifundo sokukhumbula lengadluma inguKumkani uHintsa.

“Silindele zonke iiNkosi kuquka nesizwe samaXhosa ukuba zibe yinxalenye yalo mcimbi ukuze bafunde baxhobe banzi ngebali likaKumkani uHintsa,” utsho uSigcau.

Ingxelo ithi isifundo sokukhumbula le Kumkani siza kuba sisenziwa yingqanga yombhali wolwimi lwesiXhosa. “NguNjingalwazi uNcedile Saule ozakuba esenza esi sifundo sokukhumbula le Kumkani eGcuwa ngomhla weshumi elinesibini kule nyanga kaCanzibe.

Le Kumkani iphile kweli ngeminyaka ephakathi ko1780 yaza yabhubha ngonyaka ka1835, emva kokulwa imfazwe eziliqela ikhusela umhlaba wamaXhosa kwimikhosi yamakoloniyali.

UHintsa uqale ukukhokela isizwe sakowabo ukusukela ngonyaka ka1820 de yangumhla wokubhubha kwakhe ngonyaka ka1835.

Othethe egameni leli komkhulu uNkosi Xhanti Sigcau, uthi kuluvuyo olukhatshwa zinyembezi ukubona le ngqanga ikhunjulwa ngolu hlobo.

“Kuhle kodwa kukwabuyisa iinkumbulo ezibuhlungu ngaye, kuba indlela awabhubha ngayo ayintlanga konke konke, kodwa ekugqibeleni siyavuya leli nyathelo lenziwe leli ziko mfundo iKing Hintsa,” uthethe watsho uXhanti Sigcau.

Ngomhla weshumi elinesibini kwinyanga kaCanzibe, uHintsa wabulawa nguGeorge Southey emva kokujijisana nemikhosi yamaBritane.

Urhulumente wamaBritane wayekwiphulo lokugubungela ulawulo lwamaXhosa, efuna ukuba isizwe sonke sigobe phantsi kwakhe.