Aahhh! Dalibhunga

Kutshiwo njalo xa kukhahlelwa uNelson Rholihlahla Mandela ngabantu bakhe apho wazalelwa khona kuMvezo, ilali ephezu komlambo omkhulu uMbhashe owahlula uMthatha neDutywa kwiphondo iMpuma Koloni, nalapho wathi quthuthu ezakhele umzi khona, eQunu.

Kule mpelaveki ngomhla weshumi elinesibhozo kule nyanga, abantu behlabathi ngokubanzi bazakuthi bhazalala kwiindawo ezahlukeneyo bekukhumbula le ndoda eyaba ngumongameli wokuqala kuMzantsi Afrika omtsha ngo-1994 emva kokulwa ingcinezelo nokuhlala iminyaka emininzi entolongweni.

Olu suku lwabekelwa bucala nguMzantsi Afrika nombutho wezizwe ezimanyeneyo i-United Nations[UN] ukuze abantu [kwixesha labo] ngalo mhla basebenzise imizuzu engamashumi amathandathu anesixhenxe benze okulungileyo, ngakumbi encedisana nabo bangathathi ntweni. Kodwa ke asizukugxila kuNelson Rolihlahla Mandela – itsha-ntliziyo lo mzabalazo, inkokheli ye’ANC neyaba ngumongameli wokuqala welizwe, sijonga indima eyadlalwa ngamanqindi ekukhuleni kwakhe nakwizinto azenzileyo ebomini bakhe.

Imbali isixelela ukuba le ndedeba yakwaMandela yayingumthandi omkhulu wamanqindi kodwa engaphelelanga apho – wayikwayiyo imbethi manqindi. Nangethuba evalelwe eziseleni, amanqindi yayisisixhobo sakhe esasimlola ngalo minyaka yobunzima. Nangona kungekho nto ingako nje ebhaliweyo ngemilo yakhe – kodwa yena uyaziwa ukuba amanqindi yayi yinto yakhe.

Amanqindi wawaqala ngo-1936 ekufikeni kwakhe kwi Yunivesithi yase Fort Hare. Ngelo xesha wayezinikele emanqindini ngomphefumlo nangengqondo yakhe kuba ipolitiki wayesayisezela ngeempumlo, eyiva ngendlebe xa kuthethwa ngayo ngoogxa bakhe esikolweni – ipolotiki ibingekabiyo nto ephila ngaphakathi kuye kuba wayesafuna ukufunxa ulwazi kwiziko lemfundo elalidume kakhulu ngokuvelisa abafundi abakumgandatho wehlabathi. Kwathi emva kwexesha ekweliziko wagutyungelwa yipolitiki njengabahlobo bakhe awayenabo eFort Hare University ngalo minyaka.

Yaba yeyona nto ihamba phambili kuye ukuguqula imeko ababephila phantsi kwayo abantu abamnyama kodwa akazange awayeke amanqindi nangexesha sele efudukele eRhawutini ngo-1943 – unyaka awayefunda ngawo izifundo zomthetho kwi Yunivesithi yase Wits.

Wayezigcina esempilweni ngokwenza imithambo, ukubaleka kunye nokudanisa kuba wayengavumelekanga yena ukuba asebenzise iziko lemidlalo esikolweni ngalo minyaka. Wanyanzeleka ukuba ayokuzilolonga eSoweto, eyona ndawo yayichasene nenkqubo yengcinezelo ngokupheleleyo ngalo minyaka.

Kodwa kuMandela amanqindi yayingeyonto iphambili kakhulu kuba yinto awayisebenzisa ukuhlaziya ingqondo, nomzimba wakhe ngezomini zobunzima kwipolitiki yelizwe lakhe elalilawulwa ngoontamo lukhuni aba beswele inceba. Nanjengoko elithole lakwaMandela lalingene ngokupheleleyo kwezopolitiko, wathi wabanjwa wavalelwa esiqithi, iRobben Ireland ngokwentetho eqhelekileyo ebantwini.

Nalapho yeyona nto awayehlala ngayo amanqini. Xa ethetha ngalo mdlalo wamanqindi uthi “Umdlalo wamanqindi ngumdlalo obalinganisayo abantu, ngaphakathi eqongeni, ngaphandle – nokuba usisityebi okanye ihlwempu. Ndandithanda ukuzilolonga nzima ngamanqindi kuba ndandincedakala ukususa uxinizelelo olwaloyamene nezinto zepolitiki” – Mandela, Long walk to freedom, page 193.

UMadiba zange alwe kangako emva kokuba eshiye iFort Hare University kodwa amanqindi okuhle ngalamdlalo wamlungiselela ubom oburhabaxa obabuphilwa ngabantu abamnyama ngoko, ngakumbi ziinkokheli zombutho wakhe i’ANC ezazixhokonxa rhoqho inkqubo yorhulumente.

Nangexesha engumongameli, imidlalo ibiyinto ayixabise kakhulu kuba wayenoluvo oluthi imidlalo sisixhobo esithembekileyo sokudibanisa abantu babemxhel’omnye.