Ababhubhileyo bavavanyelwa intsholongwane yeKhorona

INkulubaphathiswa yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane ethetha eBhisho kule veki

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane uthi kwilinge lokukhusela abangcwabi, abazili kwanabo banoxanduva lokuqhaqha imizimba yababhubhileyo, bagqibe kwelokuba bavavanyelwe intsholongwane yeKhorona abo babhubhe kungaziwa unobangela.

Ethetha eBhisho kule veki, uMabuyane uthi abantu ababhubhele kumakhaya abo, ingakumbi abo badala, baye bangaziwa ukuba babhubhe ngenxa yantoni.

“Siyayazi ukuba ininzi into yokuba abantu abadala baswelekele emizini yabo. Kudala yabakhona lo nto, kuba abantu abadala bathi abafuni kuswelekela esithubeni (esibhedlele).

“Sicela abantu bakowethu ukuba baqaphele, kuba xa umntu eswelekele ekhaya siye singayazi ukuba usweleke ngenxa yantoni. Ngamanye amaxesha ufumanise into yokuba sekungenelele nale nto yale ntsholongwane. Yiyo le nto apha ephondweni, sithi mabavavanywe abo baswelekele emakhaya kube kungaziwa ukuba umntu usweleke yintoni,” utshilo uMabuyane.

“Nokuba umntu sele eswelekile, masiqiniseke ukuba siyamvavanya, kuba xa singayazi imeko ebekuyo, sibeka emngciphekweni abo baza kumsebenza kwinkqubo yoqhaqhomzimba.

“Sithi ke ngoku mabavavanywe abantu ababhubhe kungaziwa unobangela. Sele sinazo izehlo zabantu ababhubhe kungaziwa ukuba umntu unentsholongwane yeKhorona, de wayokufunyanwa xa evavanywa sele esisidumbu,” kutsho uMabuyane.

UMabuyane uthi ukuvavanyelwa kwentsholongwane yeKhorona, kwabo sele bebhubhile, ziinzame zokukhusela abanye abantu.

“Maxa wambi umntu akakhange avavanywe futhi ebengenazo neempawu zesi sifo de wabe kanti uyabhubha enayo intsholongwane yeKhorona. Ukuvavanywa kwabantu ababhubhileyo ziinzame zokukhusela aba bangachaphazelekanga, baza kusebenza umzimba womfi.”

UMabuyane uthi, ngokweenkcukacha zephondo, ziimoto ezingama-98 000, nebezinabakhweli abakuma-165 000, ezithe zamiswa ze zagqogqwa apha ephondweni ukusukela oko liqalile ixesha lokuvalwa kweentshukumo elizweni.

Abantu abakuma-15 000 bathe babekwa ityala babanjelwa ukophula imiqathango yokuvalwa kweentshukumo nokuhambahamba elizweni, ze abakuma-221 kwabo bantu bangeniswa kwiinkqubo zeenkundla zomthetho logama abanye benikwe imidliwo.

Iimoto ezingama-847 ziphindiselwe kumaphondo ebezisuka kuwo ngenxa yokuselwa iimpepha zokuhamba endleleni ngeli xesha.

Izikolo ezingama-75 zithe zaqhekezwa, ze kwabanjwa malunga noku, kwabanjwa abantu izihlandlo ezingama-34.

Kusenjalo, iNkulubaphathiswa ikhuthaze abantu ukuba bawuhlonele umthetho wokuba ubani anxibe imask xa ephuma endlini. “Wonke umntu makanxibe imaski kuba ngumthetho lowo. Xa ephuma kwikhaya lakhe, kuba kuyabonisa ukuba ukunxiba imaski kuyakunqanda ukosulelana.”