Ababini abarhanelwa ngokuba ngabathengisi beziyobisi babanjwe liqela lamapolisa elipatrolayo elisuka kwisikhululo samapolisa saseCookhouse nomthwalo weepilisi zemandrax ezixabisa malunga neR170 000 eCookhouse, eMpuma Koloni, ngeCawe.
Ngokwengxelo yesithethi samapolisa uWarrant Officer Majola Nkohli, kutyholwa ukuba ngeCawe umhla we2 kweyoMdumba 2025 malunga nentsimbi yeshumi elinanye ebusuku, amalungu aphuma kwisikhululo samapolisa saseCookhouse ebepatrola kuhola wendlela uN10 exakekile ehlola izithuthi.
“Emva koko, imoto emhlophe yohlobo lwebakkie yeOpel Corsa enabantu ababini yamiswa endleleni. Ngexesha logqogqo, amapolisa afumene iipilisi zemandrax zifihlwe kwindawo efihlakeleyo ngaphakathi kucango lwemoto,” utshilo uNkohli.
La madoda mabini aneminyaka engama30 nama31 abanjiwe kwaye kulindeleke ukuba avele enkundleni kungekudala ngezityholo zokuthengisa iziyobisi ezingekho mthethweni.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine