Ababini babanjwe ngokubulala ipolisa eGqeberha

Ababini babanjwe ngokubulala ipolisa eGqeberha. Umfanekiso: George Hodan/Public Domain Pictures

Abarhanelwa ababini abaminyaka eli17 neli18 babanjwe liqela leeHawks eliphanda ulwaphulomthetho olunobuzaza olulungelelanisiweyo elizinze eGqeberha ngezityholo zokubulala ipolisa nokuphanga umpu wombuso ngoMgqibelo umhla wesine kweyoMqungu ka2025.

Ipolisa uConstable Callan Andrews (29) owayesebenza kwisikhululo samapolisa eGelvandale wabulawa ngokungenalusini esemsebenzini ngoLwesibini, umhla wama31 kweyoMnga 2024 ngabarhanelwa.

Isithethi seeHakws eMpuma Koloni, uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, uthi ngethuba kusenzeka esi sehlo, eli polisa belikwindlela iVoisen eKatanga, eGelvandale, eGqeberha, lisabela isikhalazo – apho abarhanelwa abangaziwayo bathe bathatha umpu wakhe womsebenzi bamdubula.

“Eli polisa liye labalekiselwa kwesona sibhedlele sikufutshane nalapho lifike labhubha ngenxa yenxeba lembumbulu,” utshilo uMhlakuvana.

Uqhube wathi uphando lobuntlola olwenziwa ziiHawks lukhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa eGqeberha, kwaye kulindeleke ukuba bavele phambi kwenkundla kamantyi yaseGelvandale namhlanje, ngoMvulo we6 kweyoMqungu 2025.

Kuseza kubanjwa abanye abantu nanjengoko lo mba usaphandwa kwaye iinkcukacha ezithe vetshe ngalo mba azizukudizwa okwangoku.

IBambela leNtloko yePhondo yeeHawks uBrigadier uFernando Luis uvuyisene neqela labaphandi elizimiseleyo nelizinikeleyo. Ukwavakalise umbulelo wakhe ngegalelo elenziwe liqela ngokukhawulezisa ukubamba abarhanelwa.

UBrigadier Luis ukwachukumisekile yintsebenziswano phakathi kwamapolisa noluntu ngokuzimisela kwabo ukuncedisa kuphando.

Kukholelwa ukuba oku kuya kwenza ukuba amapolisa noluntu bafikelele kwinqanaba elincomekayo lokulwa izenzo zolwaphulomthetho kwiindawo ezahlukeneyo.