Ababonakalisi mdla kumboniso wezoshishino eNyandeni

Ubonakalise ukwehla nangakumbi kulo nyaka umboniso wemveliso zookopolotyeni obanjwa minyaka le ngumasipala waseNyandeni nangona umasipala enikezela ngenkxaso engagungqiyo ukuhlumisa uqoqosho kule ndawo.

Umboniso walo nyaka obubanjelwe eLibode ngoLwesihlanu wothuse amagosa kamasipala ngenxa yegcuntswana loo kopolotyeni nabantu abebezimase lo mboniso.

Imanejala kwicandelo lophuhliso loqoqosho lwasekuhlaleni kulo masipala uNazo Cekwana uthi badanile kukungaphumeleli kookopolotyeni phantsi komasipala nangona befaka inkxaso evakalayo ngeenjongo zokuba uluntu lubonise imveliso yalo.

“Sidanile kakhulu kumele ukuba silungise apho konakele khona. Kuzakufuneka ukuba ngaphambi kokubanjwa kwalo mboniso kunyaka ozayo sixelele abantu kakuhle ngokubaluleka kwawo, singapheleli apho siphinde sincedise ngezithuthi ngomhla walo msitho ukuthintela ukungaphumeleli kwabantu,” utsho uCekwana.

Ngokwengxelo umasipala waseNyandeni ubekela bucala imali eyiR200 000 ukulungiselela lo msitho ozinyaswa ngamasebe karhulumente noluntu ngokubanzi kwaye kunyaka ophelileyo ububanjelwe eNgqeleni.

UThandikhaya Mdawuhluthi wombutho ojongene nookopolotyeni eO R Tambo uthi olu suku lomboniso luyabanceda bengoosomashishini abasahlumayo eNyandeni bafumana ithuba lokubonwa ngoosomashishini abakhulu.

UMdawuhluthi uthe “Nangona umasipala esinika inkxaso mali kodwa ukungabikho kwamanzi kulo mmandla kusichana ngendlela embi. Ookopolotyeni abakwicala lezolimo babonisa ukukhula phantsi kwezo meko zinzima.”

Amaqumrhu aphantsi kukarhulumente aquka iarhente yophuhliso lwamaphandle eMpuma Koloni, isebe lophuhliso loqoqosho nokhenketho namanye, afundise abantu ngeendlela zokunyusa ookopolotyeni.

UNoncedo Mbatha wakwa-ECRDA uthi bayawaxhasa amashishini asahlumayo ngokuwanika imali-mboleko enenzala ephantsi, uthi sele bexhase iiprojekthi ezingaphezulu kwesihlanu.

Ukwathi indawo yokuthengisa imveliso isengumqobo kuhlumo lookopolotyeni kwindawo yaseNyandeni.

Ukanti namanye amaqumrhu amemelele ekuba umasipala waseNyandeni abekele bucala isixa-mali sokuncedisa ookopolotyeni bazobonisa izinto abazithengisayo kumboniso wonyaka ozayo.

Kulindeleke ukuba kukhwetywe nabanye abantu abasuka koomasipala abohlukeneyo kunyaka ozayo.

isibhalo@inl.co.za