Abachongelwe iiSATMA zika2018 babhengeziwe

Thando Mtyhobile Umfanekiso: Uthunyelwe

Kapa:

Abiziwe amagama abaza kuthi bangenele kugqatso lweembasa zomculo wesintu kweli loMzantsi Afrika iiSATMA, kumsitho obubanjelwe eKapa.

Alishiyekanga ngasemva negama lomculi weAfro-Soul, uThando Mtyhobile, oyinzalelwane yaseBhofolo kwiphondo leMpuma Koloni, kodwa ongumhlali kweli leKapa.

UMtyhobile uncokolele I’solezwe ngendlela aziva ngayo ngolu lonyulo.

“Andikwazi nokuyichaza indlela endiziva ngayo, ekugqibeleni nam ndide ndaqatshelwa ukuba ndinalo igalelo kumculo weli, ithetha lukhulu le nto kum, kwaye ndiziva ndikhuthazekile kakhulu,” utshilo. “Ndichongwe phakathi kwabanye abantu abaninzi kuMzantsi Afrika ngokubanzi, imithandazo yam iphendulekile yokuba ngenye imini ndingachongwa kwiqonga elikhulu njengeli leSATMA.”

UMtyhobile uthi waqala ukucula eseyinkwenkwana elula ngonyaka ka1992 kwaNothenga eBhofolo, kodwa waqala ukushicilela neqela lsicathamiya ngonyaka ka2000.

Icwecwe lakhe lokuqala eyedwa ulishicilele ngo2005, waphinda elinye kunyaka ka2006.

Uqhubile ecula, waphinda washicilela ngo2017, kwaye eli lelona cwecwe alichaza njengelimzisele udumo.

Nangona kuyiminyaka engamashumi amabini anesihlanu ecula, kodwa ilishumi elinesibhozo eyimvumi eshicilelayo.

Ekhuthaza ezinye iimvumi, uthe, “Akukho nto iza lula emhlabeni, indlela eya empumelelweni ayimfutshananga kwaye ingakuzisela iintshaba ngelinye ixesha. Kodwa kufuneka ube ngumntu oyaziyo into ayifunayo, ujonge kuyo ungajiki.” Xa ufuna ukuvotela uThando, uthumela umyalezo othi “SATMA271” ku33888.

Ukanti umsasazi weNgqushwa FM, uThembelani Sikilishe, owaziwa ngelikaJikijwa ngabaphulaphuli benkqubo yomculo weMaskandi ethi ‘Kuza kwaziwana’, ungenile kuluhlu labatyunjwa.

Lo msasazi unonyaka nje omnye ekusasazo, uthi uziva ekhuthazekile lulonyulo alufumeneyo kwiqonga elibaluleke njengeli leSATMA.

Xa ufuna ukuvotela uJikijwa, uthumela ‘SATMA185’ ku33888.