Abadala bazibandakanye nemidlalo

Le midlalo, ibizwa ngokuba zii-Golden Games, ibiququzelelwe lisebe lophuhliso loluntu apha ephondweni. Aba bantu badala kulindeleke ukuba bayokumela iphondo kuzwelonke kwezemidlalo.

Bezikhuphisana zosibhozo izithili zoomasipala beli phondo, ngethuba ezi nkonde neenkondekazi, bezibonakalisa ulonwabo zidlala ngokuzinikela. Ibinguwashiywa nowashiywa, ingulo eziva ubunganga, ekhumbula ezo mini apho amaqatha namadolo ayengabikwa mikhinkqi.

Esibenenyhweba sancokola naye uGogo uNomxolisi Vakalisa onamashumi asixhenxe anesine(74) ophuma kwisithili i-O.R Tambo uthe kuthi: “Mzukulwana, age is just a number (iminyaka linani nje).”

“Sabona ukuba siyazilibazisa ngokuthi wakuthatha umhlala phantsi wakho emsebenzini, oko kuthetha ukuba uhlala endlwini ulinde usuku lakho lokubhubha ayikho lo nto yaphela ngekhe ukholelwe ukuba neqela lam loogogo sivuka ngentseni yonke imihla siyokuzilolonga, kungoko kuye kwalula ukuba masingasokoli ngokuza apha sithathe inxaxheba,” utshilo uVakalisa, ebonakalisa udlamko olungummangaliso.

“Oku kusinceda kwiimpilo zethu nakuhlobo esicinga ngalo isilungisa iingqondo zethu sikwazi nokuphuma nezisombululo kwiindibano esiye sizibambe naba Gogo kule miceli mngeni sijongene nayo yokulwa ukudlwengulwa kwanokubulawa kwamaxhegwazana kummandla waseOR Tambo.

Sidlamkile sicinga okwabantu abatsha lasinceda eli sebe singalo apha namhlanje lisinceda kwizinto ezininzi kakhulu alisincedi kule singayo apha qha

kuninzi elisinceda ngayo,” uvale ngelitshoyo uVakalisa.

UGogo Vakalisa uthi, bona kweyabo indawo bengooGogo abadlamkileyo bakwajongene nokuncedisa ukunikeza inxaso kubantwana abangenabazali nabo bangamaxhoba okuxhatshazwa abanye babo “sibancedisa ekubenzeleni iimpepha zesibonelelo semali sikarhulumente . Isebe liyasincedisa sikwancediswa nangamapolisa nanjengoko aye aqokelele iipasele zokutya azise kumakhaya abo.” Kula mabala bekudlalwa imdlalo ehlukeneyo efana ne-Jukskei, Rugby (umbhoxo), Ball Pass, Goal shooting, Brisk walk, Track Races, Pegging, Ring the stick nebhola ekhatywayo. Ezi nkonde neenkondekazi zibuyela kwiindawo zazo namhlanje, nanjengoko iqosheliswe izolo imidlalo.