Abafumani mivuzo ootishala baseKing Private College

Abantwana besikolo iKing Private College bedlala phandle ngexesha lokufunda, ngethuba umphathi wesikolo esentlanganisweni nabazali, ngomba wokungafundiswa ngenxa yootitshala abangabhatalwayo umfanekiso: Siyanda Zakhe

Ukungahlawulwa kwemivuzo yootishala sisikolo sabucala iKing Private College kubangele ukuphazamiseka okumandla kwinkqubo yokufunda nokufundisa kwesa sikolo.

Ukunqunyanyiswa kootitshala abasixhenxe kwesi sikolo kokona kubangele ukungazinzi okumandla kwinkqubo yokufunda nokufundisa. Aba titshala bakwaye umsebenzi bengangeni kumagumbi okufundisa, emva kokunqunyanyiswa komnye wabo etyholwa ngokuza esikolweni enxilile.

Ootishala abavumanga ukusinika amagama abo nanjengoko esa sikolo siqinisekise ukuba nangona bezakubuyela emsebenzi kodwa baseza kululekwa. “Aziyonyani ezi ngxelo zithi kukho utishala obenxilile apha esikolweni, senze oku emva kokuba singafumani mivuzo ipheleleyo, kwezinye iinyanga asifumani mivuzo konke konke,” uthethe watsho utishala.

Inqununu yesikolo uIsaac Gxasheka uxelele intlanganiso yabazali ukuba aba tishala bakwaye amagumbi okufundisa kuba bexhasa utishala onqunyaniswe ngenxa yokunxila.

“Ingxaki yethu inye yimali, sihamba imigama emide ngeenyawo ukuza esikolweni ngenxa yokuba asinamali yokuza kuba isikolo asiyihlawuli imivuzo yethu ngokufanelekileyo,” utshilo omnye wabatishala.

Ngabafundi abangamakhulu amabini aneshumi abafunda kwesi sikolo, umntwana ngamnye uhlawula iwaka leerandi (R1000) ngenyanga. Imali engena kwesi sikolo ngenyanga yimali ekumakhulu amabini anesishumi lamawaka erandi (R210 000).

Othethe egameni labazali uKholeka Mendu uthi iingxaki zesisikolo ziwenza nzima umsebenzi wabafundi nootishala. “Ukungangeni kootishala kumagumbi okufundisa kubangele ukuba abafundi bangazifumani iziphumo zabo zenyanga yoMsintsi,” utshilo uMendu.

Le nqununu ikwatyhola abazali ngokungahlawuli iindleko zokufunda zabantwana babo. “Utyhola ukuba kukho abazali abangahlawuli mali yesikolo ukusuka kunyaka ophelileyo kodwa xa sicela amagama wabazali abangahlawuliyo akakwazi kuza nabo ngaphambili,” uthethe oko uMendu.

Aba tishala bathi abakhange bayifumane imivuzo yabo yenyanga yeThupha, neyoMsintsi, logama kwezinye iinyanga befumene imali engaphelelanga.

Othethe egameni lesebe lemfundo eMpuma Koloni uMali Mtima uthi abanakwenza lizwi ngalo mcimbi kuba esi sisikolo sabucala.

“Akukho nto sinokuyithetha ngesi sikolo kuba sisikolo esizimeleyo, kodwa akhona amagosa ancedisayo ukuze kusonjululwe iingxaki ukuze iqhube inkqubo yokufunda nokufundisa,” utshilo uMtima.

Esi sikolo sisungulwe ngonyaka ka-2011 ngeenjongo zokunika abantwana abasaqalayo ithuba lokufunda ukusuka kwibanga lokuqala ukuya kwinqanaba lesixhenxe.

“Siboleka imali kwabanye abantu xa siza esikolweni, mna ndiyaxabana nomyeni wam ngale nto kuba ndiyaphangela kodwa ndixhomekeke kuye ngemali yokuza emsebenzini,” utshilo omnye waba tishala.

Ukanti kumiselwe ikomiti emalungu mathandathu equka abazali kunye namagosa amabini esebe lezeMfundo azakuthi aqinisekise ukuba luyabuyela uzinzo kwesa sikolo, itsho ingxelo.

Inqununu yesikolo uIsaac Gxasheka akafumanekanga ukuziphendulela kwezi zityholo.