Abafundi ababa ngoovulindlela kwaNokholeji

Abafundi bokuqala ukubhala uviwo lwematriki kwiYunivesithi yaseFort Hare babe bane ngomnyaka ka1917. Bonke abo bafundi bathi balutshona uviwo olo.

Ngowe1918 baba bane kwakhona abafundi ababhala imatriki baze abafundi ababini baphumelela, baba bini abawa phantsi. Abo bafundi bathi baphumelela yayingaba: uMnu. Hamilton John Masiza noMnu Felix Mahlangeni.

UMnu. Hamilton John Masiza wazalelwa eSomaseti ngomhla wesi7 Septemba 1894. Wayengunyana wesibini kaMfundisi J. Masiza. Wafunda eRhini kwisikolo iGrahamstown Public School, wafunda naseNxukhwebe, naseDikeni eLovedale.

Uthe emva kokuba egqibe izifundo zakhe wahamba waya kusebenza njengetitshala eKimberley, apho ade waba yinqununu yaseUnited Mission School, No.2 Location, eKimbali. Uye wasweleka ngomhla we17 Septemba 1955 eneminyaka engama61.

UMnu. Hamilton Masiza udume nangokuba ngumqambi weculo elithi: “Vukani Mawethu, Hayi, usizi lomnt’oMnyama eAfrika!”

UMnu Felix Mahlangeni owaphumelela imatriki, wathi wahamba waya kusebenza njengetitshala eMonti.

Abanye babafundi ababalwa njengoovulindlela abafunde eFort Hare phakathi konyaka we1916 nowe1918 ngaba balandelayo: uNkosi Victor Poto Ndamase owaba yiKumkani yesizwe samaMpondo aseNyandeni; uAdonijah Bolani owaba ngumfundisi wakwaLizwi eTransvaal; uMaurice Peters womlibo wamaNdiya nowaya kufundela ubugqirha eSkotilane; kwakukho nabeLungu ababini ababengabantwana babefundisi.

Kubafundi ababhalisele imatriki ngowe1919 kubalwa aba bafundi balandelayo: uProf. Z.K. Matthews owaba ngumntu oNtsundu wokuqala eMzantsi Afrika ukuphumelela isidanga seBA eFort Hare ngowe1923. Indaba zokuba upasile zamfikela ngocingo olwalusuka kuDr. Kerr ngomhla wama25 Januwari 1924.

Ngowe1930 waphinda waba ngumntu wokuqala ukuthweswa isidanga sobugqwetha eMzantsi Afrika esifunde kweli lizwe. Emva koko wamkelwa njengegqwetha yiJohannesburg Bar neTransvaal Divion of the Supreme Court. Watshata intombi kaMfu. John Knox Bokwe egama linguFrieda.

URoseberry Bokwe owafunda iCollege Diploma in Teaching eFort Hare nowafunda isidanga sobugqirha phesheya; uDenis Noble owaphuma wayokusebenza; uCalvin Mabalengwe owaya kufunda ubugqirha eDinburgh; uMahaeka Molapo,

Umfundi wokuqala ukufumana iCollege Diploma in Arts yaba nguMnu. Mthobi Edwin Ncwana umfo wasemaHlubini.

Amabhinqa okuqala eFort Hare afunde phakathi kowe1921 nowe1922, kwakukho aba: uBernice Tlalane Morolong owaphumelela imatriki ngowe1921, kunyaka olandela lowo owe1922 waphumelela iTeacher’s Diploma kwaseFort Hare. UBernice Tlalane Morolong wazalwa ngowe1899, ezalelwa eMafeteng eLusuthu.

Wafunda amabanga aseprayimari eMafeteng apho wapasa khona ibanga lesi6 ngowe1913. Ngowe1914 waqeqeshelwa ubutitshala eThabane Morena Girls School, waze wagqiba ngowe1915. Emva koko waya eMzantsi Afrika waya kufunda eLovedale High School, apho wafumana khona iJunior Certificate ngowe1918. Ngowe1919 waya kungena eFort Hare College apho wafumana khona iTeacher’s Diploma ngowe1922. Watshatela kuJoel Thabiso Mohapeloa.

Ukumka kwakhe eFort Hare waya kuhlohla eInanda Seminary kwisikolo samantombazana eNatala. Ngowe1943 waya kuhlohla eBasutoland High School.

Ngowe1944 waseka umbutho ekuthiwa yiBasutoland Homemakers Association. Wafumana la mawonga: iBritish Empire Medal ngowe1946, waba libhinqa lokuqala eAfrika ukufumana iDorothy Cadbury Fellowship. UBernice Tlalane Morolong wasweleka ngowe1997.

UFrieda Bokwe wafunda Emgwali Girls Institution waze wangena eLovedale ngo1920, waze waphumelela apho iJunior Certificate ngowe1921, wangenela imatriki eFort Hare ngowe1922. Watshata noProf. Z.K. Matthews ngowe1928.

UPearl Bokwe wafunda Emgwali Girls Institution, naseLovedale, emva koko waba ngutitshalakazi eLovedale Primary School. Uphume apho wangenela imatriki eFort Hare. Wendela kumfo wakwaZulu owayeyimvumi uMark Radebe.

UGetrude Ntlabathi waba yintombazana yokuqala eyaphumelela ibakala leBA eFort Hare ngowe1928.

Ukumka kwakhe eFort Hare waya kuhlohla eInanda Seminary, eNatala, kwisikolo samantombazana. Ukhe wahlohla eClarkebury eNgcobo, apho kubafundi bakhe kuquka uGqr. Nelson Mandela.

UPumla Ngozwana liHlubikazi lakwaZengele, yintombi yoMfundisi uIsaac Ngozwana eyafumana iBA eFort Hare; wendela kumfo waseUganda, lo Phumla wakhe waliLungu lePalamente kwelo zwe lokwenda kwakhe. Wakhe wabanguye nonozakuzaku welizwe lakhe iUganda kwilizwe laseSwazini.

UNozipho Ntshona nguMaNkomo naye wafumana isidanga seB.A. UNozipho Ntshona wendela kuMnu. Frank Lebentlele, owayenesidanga seB.A. owafundisa ithuba elide eNxukhwebe, ngumfo ke lowo owayedume kakhulu kwezemidlalo ingakumbi ibhola ekhatywayo.

UCecilia Nikani wafumana iBA, yintombi yendlu yasebukhosini, yasemaTshaweni, ikhaya lakhe lalikuCentane. Le ntombi yayidume kakhulu ngokuba bukhali ezifundweni zayo.

Uyise kaCecilia Nikani yayinguBissech Nikani owayengumTshawe wesizwe samaNtinde aseMsento kuCentane, laa maNtinde awezwa phonoshono kweNciba ngelaa xesha leeMfazwe zeMida phakathi kwamaXhosa namaNgesi. UCecilia wayenomnakwabo ogama linguGaxa nodadewabo uViolet Nozipho Nikani nabo abafunda eFort Hare. UViolet Nozipho Nikani uthe akugqiba ukufunda wabonwa lisoka lakwaZingithwa eSterkspruit.

UCecilia waba ngutitshalakazi eLovedale, waze ukumka kwakhe apho waya kusebenza eThaba Nchu apho wathi wabonwa lisoka elingumTswana ngokobuzwe lakwaMojamaga. Wenda noko sele eyintombi engquthurha, emtshatweni wakhe akalizwanga ngabantwana.