Abafundi bakhala esimantshiyane ngokungabhatalwa

Bakhalelwa ukungabhatalwa abantu abatsha abafundiswa yinkampani enguZizi Consulting Services ibambisene neFort Hare Solutions. Olu lutsha lifundiswa ngezoshishino eDutywa, kwaye kukho imali ebekufanele ukuba liyayifumana ngokwesivumelwano nengakhange ifakwe kubafundi.

Bekulindeleke ukuba abafundi bafumane imali yabo yokuqala ngempela nyanga KweyoMsintsi kodwa bathi litshonile ilanga bejonge enkalweni.

Iinzame zabo zokuqonda ngale nquleqhu zibuye nembande yesikhova kuba ukuzakuthi ga ngoku basalinde ukuza kukaNxele.

Iziphatha mandla zikaZizi consulting zithi zizamile ukudlulisa isingxengxezo ngomyalezo kwiminxeba yabafundi, bebayalela ukuba baqhubeke nokuya esikolweni ukuze singaphazamiseki isibonelelo sabo semali kwinyanga ezayo.

Oku kuza emva kokuba bonke abafundi bengakhange baye kumaziko okufundela amane kwiindawo ezohlukileyo. uNo-Oli Sigidi othethela iZizi consulting uthe “Makuqhutywe nezifundo kuba ixesha lona alimanga kwaye nemali yenyanga ezayo ingangapheleli kwabo bangayiyo ngezintsukwana. Imali yona ayixinganga kuthi, koko ingxaki isekwiServices SETA iArhente ejongene nokufaka imali kule nkampani ukuze sikwazi ukubhatala abafundi nootishala.”

USigidi ukwayicacisile into yokuba owona mceli mngeni bajamelene nawo ngabantu abayekileyo ukufunda nabathe benza utshintso ze kwaphela sele kuthathwa abanye ukuvalwa izikhewu.

Kungoku nje uSETA usaxoxa lo mcimbi wemali logama abanye abafundi besawakwayile amaziko okufundela.

Omnye wabafundi uMzimhle Hlotywa uthi “Kunzima nokuba uye esikolweni xa kungekho nkuthazo kuba siyacwangcisa xa kuphela inyanga nabani na ubanayo indlela ayaziyo ukuba uzakuyisebenzisa njani na imali yakhe, imali yesithuthi esihamba ngaso ukuya esikolweni sele iyingxaki yabazali bethu ngokungathi singabantwana ngoku inene iyasisokolisa lemeko.”

Inkxalabo yabafundi kukuba kuphando lwabo abathe balenza ngaphambili bafumanise ukuba bakhona abafundi abangazange bayifumane imali yabo kwizifundo zezakhono ebezike zenziwa kwayile nkampani ngoko ke banawo amakhwiniba okungayithembi indlela ekuqhutywa ngayo malunga nemali.