Abafundi bakwaya imibhiyozo kaNokholeji

Kubanjwe intlanganiso kwahamba iiyure ezintathu ngabaphathi beyunivesithi yaseFort Hare kunye nomphathiswa uThulas Nxesi negqiza eliphezulu kumapolisa aseMpuma Koloni nebelikhokelwe nguMkomishina wephondo uLieutentant General Celiwe Binta.

Ethetha ngala malungiselo oyinqununu yeli ziko uMvuyo Tom uthe baqhuba uthethwano nabafundi emva kokuba abafundi befake uxwebhu lezikhalazo olubangele ukuba baqhankqalaze ngoLwesithathu.

“Sixoxe ngamandla nabafundi, sisezakuxoxa kuba asifuni kubona nto izakuphazamisa le mibhiyozoyo, sinqwenela ukuba yonke into yenzeke kakuhle,”utshilo uTom.

Ukanti inkulumbuso yeli phondo nayo kwelayo icala imemelele uluntu ukuba lungaxhalabi izakuqhuba le mibhiyozo. Abafundi bafake uxwebhu lezikhalazo ezilishumi elinesithandathu eziquka iindawo zokuhlala, iimali zesibonelelo sikarhulumente nezinye.”

Akukho mfuneko yokuba silungiselele ingxaki enokuvela apha, yonke into izakuqhuba ngaphandle kwengxaki,” utshilo uMasualle.

Kusenjalo abafundi bombutho wePan Africanist Student Movement Association kwiziko eliseMonti bathi abayonxalenye yale mibhiyozo.

UZukisani Nyewe ongusihlalo wePASMA eMonti uthethe ne I’solezwe.”Le yimibhiyozo yeminyaka elikhulu yokucinezelwa kwabantu abamnyama befundiswa imfundiso zaseNtshona, yonke into isathetha ngabelungu eFort Hare,”ucacise watsho uNyewe. Lo kaNyewe uthi iinzululwazi zaseAfrika azinikwa mbeko nangqwalasela lela ziko.

“Kutheni le nto sisafundiswa ngoLenin, Plato no Aristotle singafundiswa ngoSobukwe, nithi masibhiyoze kodwa iinkokheli zethu neefundiso zazo azinikwa qonga,” utshilo .