Abafundi baleqiswe esibhedlele bekreqwa sisisu

Ukungakhathalelwa kokutya okutyiwa ngabantwana kwizikolo zikarhulumente ezisezilalini kuphinde kwabangela intlaninge yabafundi ibalekiselwe esibhedlele eMbizana kulandela ukuhlanza ngenxa yokutya inyama yenkomo.

 Abafundi besikolo samabanga aphantsi iMlindazwe baleqiswe kwisibhedlele iSt Patricks eMbizana ngoLwesine emva kokukreqwa sisisu kulandela ukutyiswa ukutya okunenyama yenkomo ekucaca ibinongwe “ngopelepele” ngokokutsho kwesithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo.

“Abafundi baseMlindazwe abangamakhulu amabini bangeniswe kwesi sibhedlele bekhalaza ngesizabhuzabhu esibangela ukuhlanza kwabanye logama abanye bebebhuqwa yintloko,” utshilo uKupelo, ebalisela I’solezwe lesiXhosa.

 Ngethuba sibhala eli nqaku bekungekacaci ukuba bade bakhululwa bonke kusini na ababafundi baseMbizana esibhedlele.

 Kunyaka ophelileyo ngenyanga yeDwarha, abafundi bezikolo eziliqela eQonce baleqiswe esibhedlele emva kokuhlanza kulandela ukutya umvubo wamasi atshukuleyo.

 Kusenjalo, uKupelo uthi abahlali abakwishumi elinesixhenxe baseManzana kuQumbu babalekiselwe kwisibhedlele i-Dr Malizo Mpehle kuTsolo emva kokukreqwa sisisu kulandela ukutya inyama yenkomo ebinqunyulwe emva kokuzala ithole elifileyo.