Abafundi bangeniswe kwizibhedlele bekreqwa sisisu ngenxa yamasi

Lo ngomnye wabafundi ababalekiselwe esibhedlele ngenxa yesisu esibalekayo. Umfanekiso: Siyanda Zakhe

BANGENISWE beyimiqodi ezibhedlele abantwana bezikolo ezirhangqe ingingqi yaseQonce ngoLwesithathu emva kokukhala kukukreqwa zisisu kulandela ukutya amasi ekurhaneleka ukuba asengwe kwiinkomo ebezisandul’ ukutofwa.


Iingxelo zithi abantwana abaphuma kwizikolo eziquka iThambalethu Lower Primary yaseZinyoka, iJali High yaseQugqwala kwaneQugqwala Primary bebetye umvubo kusasa ngoLwesithathu njengenxalenye yenkqubo karhulumente yokutyiswa kwabantwana.

Aba bantwana bathi la masi athengwa kwifama i-Innesfree Dairy ekwalapha eQonce.


USomeleze Sihiya waseJali High uthe: “Esikolweni bekutyiwa umvubo namhlanje (ngoLwesithathu). Ndithe ndise kwigumbi lokufunda, ndeva ndikrweqwa sisisu ingathi kukho into esikayo apha kuso. Emva koko ndiye ndahlanza, babe nabanye behlanza futhi belunywa.”

Yena uYolanda Soldati, wakwaseJali High, uthi ebebhala iphepha lokuqala lesiNgesi kwiimviwo zikaGrade 12 ngethuba efikelwa sesi sihelegu.


“Bendingena ku-Section C kwiphepha lam, ndalunywa sisisu. Kunyanzeleke ukuba ndiliyeke phakathi iphepha elo kuba ndivele ndahlanza ndaphelelwa ngamandla. Siye sasiwa esibhedlele ndingagqibanga ndinjalo ukubhala,” utshilo uSoldati.


Yena u-Usiphe Tawule waseThembalethu uthi ugabhe engaphakathi kwigumbi lokufunda emva koko waphelelwa ngamandla. 

Isibhedlele iGrey eQonce besiphuphuma ngabantwana, bambi beneempawu zokuphelelwa ngamandla. Umongikazi osebenza eGrey, ongenalungelo lokuthetha noonondaba, uthi ababantwana bebekhala ngokuhlanza, ukukreqwa sisisu kwanotyatyazo.


Ngenxa yokuphuphuma kweGrey, abanye abantwana baye basiwa kwisibhedlele saseBhisho. Ngokuhlwa kwangoLwesithathu, ababantwana bebesabhilabhilwa kwezi zibhedlele.

UMphathiswa wezemfundo eMpuma Koloni uMandla Makupula uye watyelela ababantwana kwezi zibhedlele zozibini.


Ethetha nephepha-ndaba, I’solezwe, kwisibhedlele iGrey uMakupula uthe: “Iyandixhalabisa kakhulu le nto, ingakumbi xa ide yaphazamisa abantwana bebhala iimviwo zikaGrade 12. 

Amagosa ethu azakuwavavanya la masi ukuhlola ukuba yintoni ingxaki. Amanyathelo ngakwinkampani enike izikolo la masi, azakuthatyathwa xa sifumanise ukuba yintoni ebangele ukuba abantwana balunywe,” utshilo uMakupula.


Lo kaMakupula ukwathe uzakuba nonxibelelwano noMphathiswa wezemfundo kuzwelonke uAngie Motshekga ngeenjongo zokuba abantwana abathe bashiya phakathi iphepha, baphinde babhale.


sithandiwe.velaphi@inl.co.za