Abafundi baseNMMU bazibandanye kumsitho woonobuhle

Indawo yokuhlala abafundi eBhayi iSouth Point ibisindleke umsitho woonobuhle abafunda eNelson Mandela Metropolitan University. Lo msitho ubusingathwe kule mpela veki siphuma kuyo, kwaye usingathwe ngempumelelo.

Le ndawo yokuhlala abafundi sele kulixesha elide uwusingatha umsitho woonobuhle kwaye iwusingatha unyaka nonyaka ngempumelelo. Ongumququzeleli walo msitho nokwangunobhala jikelele kule ndawo yokuhlala iSouth Point uVuyolwethu Marwanqa uthethe wathi, bachulumancile ukusingathi loo msitho ngempumelelo ebongela nabo abawongwe ukuba ngu-Mr no Miss South Point 2016 uKhanyiso Theophilus Tshali owongwe njengo Mr South Point kwakunye noKamva Mbambatho owenza iDiploma kwi-Economics e-NMMU owongwe njengo Miss South Point 2016.

UKamva Mbambatho ongu Miss South Point uthethe wathi “Ndiyavuya kakhulu namhlanje kuba nam ndiwongwe ngokuba ngunobuhle wendalo wase- South Point kwaye indlela esiyihambileyo ibingekho mfutshane sehle sisonyuka ukuze silufeze ugqatso, kwaye ndibonga kakhulu abafundi ebendikhuphisana nabo ndikwakhuthaza nabanye abafuna ukungenela kwiminyaka ezayo ukuba umntu azithembe ngokuba nguye”

Kusenjalo nowongwe njengo- Mr South Point uKhanyiso Tshali akakwazanga kuzibamba ngendlela ebevuya ngayo emva kokuwongwa kulo msitho esithi ubabulela kakhulu abafundi abaziinkokheli zabo kule ndawo yokuhlala iHouse Committee ngabula makhumtsha, ekwathe basebenze ngokuzikhanda ukuze loo msitho ube- yimpumelelo.“Andazi ukuba ndiqale ndithini na, kodwa ibinde indlela esiyihambileyo, kwaye sinethemba lokuba nakwiminyaka ezayo kuzoba nje ndinolonwabo emoyeni wam kuba ndiwongiwe namhlanje” utshilo uTshali

Ukanti lo msitho ukuze ubeyimpumelelo ubuxhaswe ziinkokheli zabafundi beziko mfundo i-NMMU iStudent Representative Council, kwakunye neevenkile ezithile eBhayi. Uzakuphinde usingathwe kwakhona kunyaka ozayo utshilo uMarwanqa.