Abafundi baseRhodes University baqhankqalazela imfundo yasimahla

Umfanekiso ogciniweyo wabafundi baseRhodes beqhankqalaza Umfanekiso: Michael Pinyana

Abafundi baseRhodes University baqale uqhankqalazo namhlanje emva kokubamba intlanganiso izolo malunga nendlela eya phambili.

Oku kulandela isibhengezo somphathiswa wemfundo ephakamileyo, uBlade Nzimande esithi iiyunivesithi mazizibonele ukuba ziza kuwulawula njani umcimbi wentlawulo yemali yokufunda ngabafundi. Kwintetho yakhe, uBlade uthe iiyunivesithi zoMzantsi Afrika mazizithathele isigqibo sokonyusa intlawulo yemali yokufunda kodwa loo chatha ze angadluli ku-8%. Utsho esithi ukonyuka kwemali yokufunda eyunivesithi akuzubachaphazela abo baphantsi kwenkxaso-mali yokufunda karhulumente, uNSFAS.

Abafundi bakwiiyunivezithi ezahlukeneyo zoMzantsi Afrika, kuquka nabaseRhodes bakhalazela loo nto kanye. Bathi imali yokufunda mayingonyuswa kubo bonke abafundi. Batsho besithi basaqhubeka nephulo labo le #FeesMustFall nalapho abafundi balelwa imfundo ephakamileyo yasimahla.

Ngentseni yanamhlanje iqela labafundi baseRhodes livale umnyango wethala leencwadi elikhulu kweli ziko ngezitulo ze laphazamisa abafundi ebebekumagumbi okusebenzisa iikhomyutha. Bathi benza oku ngeenzame zokuqinisekisa ukuba akukho nkqubo yokufunda eza kuqhuba kweli ziko de kube kanti iimfuno zabafundi zifezekisiwe.

Ingxelo ekhutshwe liqela labafundi iRhodesAsinamali kwikhasi likaFacebook ithi olu qhankqalazo aluzuphela de urhulumente nabaphathi beRhodes banike abafundi impendulo eyanelisayo. Bathi abazonqandwa yi-interdict neekhamera ezikhoyo kweli ziko. Batsho besithi bacela inkxaso yabahlohli baseRhodes abalixhasayo eli phulo le#FeesMustFall ngokuthi bathumele iimbalelwano ezithi abafundi abazukoxuthelwa ithuba lokubhala iimviwo zokuphela konyaka ngenxa yokuzibandakanya kuqhankqalazo oluqhubekayo ngoku.

Kwintlanganiso yabafundi ebibanjwe ngo-10 kusasa kweli ziko, kufikelelwe kwisigqibo esithi abasemagunyeni eRhodes mabacacise ukuba benza ntoni ukuxhesha urhulumente ukuba eze necebo elililo malunga nokunikezela ngemfundo yasimahla. Kwakhona, kuthiwa amashishini amakhulu, nekungawo azuzayo ngokuthi aqashe abafundi abaphuma eziyunivesithi mawanikezele nge-10% kwiiyunivesithi ukuze zikwazi ukumelana nokunikezelwa kwemfundo yasimahla. Kule ntlanganiso, abafundi bathe balwa nobubi obenziwa ngamapolisa kubo xa beqhankqalaza. Okokugqibela, abafundi banyanzelisa abahlohli nabanye abasebenzi baseRhodes abaqeshisa ngezindlu zokuhlala abafundi ukuba behlise irhafu. Batsho besithi imali yokuzigcina enikwa abafundi nguNSFAS ayaneli ukubhatala irhafu yokuqesha ezi zindlu kuba ziyadura.