Abafundi baseWSU bachithwe ngeembumbulu

Umfanekiso ogciniweyo wabafundi baseWSU beqhankqalaza kulo nyaka uphelileyo Umfanekiso: Michael Pinyana

Abafundi beYunivesithi iWalter Sisulu (WSU) kwikhampasi eseBika, eGcuwa, bathi sokuze bayeke ukuqhankqalaza bengayifumenanga imali yabo yesibonelelo sabafundi yokufunda, uNSFAS.

Ngentseni yanamhlanje abafundi baseWSU bekhokelwa ziinkokeli zabo zombutho iSRC bavuke bavala uhola wendlela uN2 ngamatye batshisa amatayari, kuba befuna kuthathelwe ingqalelo isikhalo sabo sikaNSFAS. 

Izithuthi ziye zama ngxi kuN2 ukusukela ngentsimbi yesithandathu uyokuma kweyesixhenxe kusasa namhlanje. Amapolisa agaleleke abachitha-chitha ngeembumbulu zeeraba.

Inkokeli yabafundi uZubenathi Sopazi uthi baqale babamba intlanganiso kunye nabasemangunyeni ngoLwesine ngaphambi kokuba bafikelele kwisigqibo sokuqhankqalaza.

“Besinentlanganiso ngoLwesine nabasemangunyeni, apho siphume kungekho sisombululo nto leyo eyenze ukuba sigqibe kwelokuba siqhankqalaze” utshilo Sopazi.

Kolu qhankqalazo uthi kubanjwe abafundi abaliqela ebebengeyonxalenye nalo; bakhutshwe emagumbini wabo belele.

“Amapolisa afike abamba abafundi bezilele esikolweni, kodwa lo nto ayithi masiyeke imigushuzo yethu kaNSFAS,” uqhube watsho.

Ebutsheni balo nyaka abafundi baseWSU batyikitya iincwadi zesicelo senkxaso-mali yakwaNSFAS, emva koko bafumana imiyalezo echaza ukuba izicelo zabo ziphumelele.

Ngoku bathi bebenethemba lokuba kuzakuthi kubaleli xesha ibe kanti imali yabo bayifumene, njengoko uNSFAS wabaxelela kwinyanga kaTshazimpuzi (Epreli) ukuba uyithumele esikolweni.

Isithethi saseWSU, uYonela Tukwayo, uvumile ukuba kwintlanganiso ebebenayo nabafundi boyisakele ukuza nesisombululo, kuba owona mcimbi ubuphambile ngokaNSFAS nabangakwaziyo ukuwusombulula besisikolo.

“Sikhe sahlala neenkokeli zabafundi kwikhampasi zonke malunga nalo mcimbi kaNSFAS, kodwa asabinaso isisombululo, njengoko sibonile ukuba ngamagosa wakwaNSFAS anokwazi ukuza nesisombululo” utshilo uTukwayo.

Uthi izikhalazo zabafundi baphinde bazidlulisela kwaNSFAS nakwisebe leMfundo ePhakamileyo kwakhona, njengoko babenzile ngaphambile.
UTukwayo ulebele ngelithi bacele indibano kunye namagosa akwaNSFAS ngeenjongo zokuzama ukusombulula lo mcimbi woqhankqalazo.

Othethela amapolisa aseGcuwa, uKhapteni Jackson Manatha uthi ngabafundi abalishumi elinesihlanu ababinjiweyo ngamapolisa ngezityholo zolwaphulo-mthesindlangalaleni.

UManatha uthi abafundi kulindeleke ukuba bavele phambi kweenkundla zamatyala eGcuwa ngomso.