Abafundi baseWSU bafumana izigulo ngenxa yokunqaba kwamanzi

Idami laseGcuwa ligcwele ngamanzi noxa nje oku kungonelangaUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

INKITHA yabafundi beYunivesithi iWalter Sisulu (WSU) eBika eGcuwa, ifumana izigulo ngenxa yezindlu zangasese ezikwimeko emaxongo ezibangelwa kukunqongophala kwamanzi okuthwaxa ummandla waseGcuwa.

Ngenxa yoku, abafundi baseWSU eGcuwa baphuma bengena kwiindawo zonyango nanjengoko besosulelwa zizifo abazifumana kwizindlu zangasese zeli ziko.

Oku kuthethwe ngumsebenzi waseWSU kwindibano ebibanjelwe kwiholo yoluntu yaseMsobomvu ngoMvulo ebinjongo zayo ikukuza nesisombululo kwingxaki yamanzi ethwaxa le ndawo. INkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle, utyelele iGcuwa ngenjongo zokuva iingcebiso neengcingane zabantu baseMnquma kule nyewe ithande ukuxaka kwimbali yale ndawo.

Igosa elisebenza eWSU, esingenakulichaza nanjengoko lingagunyaziswanga ukuthetha noonondaba, lixelele iNkulumbuso ukuba ingxaki yamanzi eGcuwa ichana kakhulu abafundi beli ziko-mfundo. “Siyayibulela inkxaso esiyinikwa ngumasipala wase-Amathole, noxa nje ingonelanga. Siyayifumana iloli yamanzi enye ekuseni kodwa ayikho emva kwemini. Izindlu zangasese kwiziko lethu zikwimeko emaxongo nto leyo ibangela izigulo kubafundi.

“Abafundi bayagula, sithe gqolo ukubathutha sibasa kwiindawo zonyango ngenxa yoku. Sinawo amatanki, kodwa awonelanga,” litshilo eli gosa laseWSU. Eli gosa lithi bebekumawaka asixhenxe abafundi baseWSU kwiziko eliseGcuwa kunyaka ophelileyo.

Othethela iWSU uYonela Tukwayo, ungqinile ukuba ingxaki yamanzi iyayichaphazela iWSU eGcuwa noxa nje engakhange angqine ngobungakanani bayo. “Ngokumayelana nomba wezigulo, kuza kuba nzima ukuqikelela kuba lo ngumba onobuzaza ongekaxelwa kwiziko lethu lezempilo okanye kwicandelo lemicimbi yezabafundi,” utshilo uTukwayo. Umfundi waseWSU eGcuwa ozakwenza unyaka wesithathu kulo nyaka, ungqinile ukuba imeko yokunqongophala kwamanzi ixakile kule yunivesithi. “Ekuzeni konyaka ophelileyo bekunzima nala wokusela. Ukuba awuzifihlelanga amanzi kwigumbi lokulala usengxakini,” kutsho lo mfundi. Usodolophu womasipala wase-Amathole uWinnie Nxawe, uthi noxa nje ligcwele idami laseGcuwa, lonele nje isithuba esingangenyanga xa inokungani imvula. UNxawe uthi idami laseXilinxa eNgqamakhwe, elithumela amanzi kwidami laseGcuwa, likumlinganiselo weepesenti ezintathu kuphela.

UNocwaka Bizana obethethela iMnquma Disability Forum, uthi umnqa kwinto yokunqongophala kwamanzi eMnquma kukuba amatyala weenkonzo zamanzi akamanga. “Njengokuba sithutha amanzi ngeentloko zethu nje, sifumana iimbalelwano zamatyala eenkonzo zamanzi ezisuka kwamasipala. La matyala ayenyuka mihla le,” kutsho uBizana.

UMasualle uthi uxhalabile yile meko yamanzi eMnquma. Uthi kwiingxaki eziphakanyiswe ngabahlali uza kuzipha ithuba lokuziphonononga emva koko aphinde abuyele kubo.