Abafundi baseWSU bakwiphulo lukonceda abahlelelekileyo

Abafundi baseWSU kwakunye nezipho abaza kuzisa kubafundi baseMdantsane UMFANEKISO: Chuleza Sandla

IQELA  labafundi abangamashumi amabini anesibhozo beYunivesithi iWalter Sisulu (WSU) baza kube benikeza ngeePads kubafundi abangathathi ntweni besikolo iWongalethu High eMdantsane ngoMgqibelo.

Aba bafundi benza unyaka wokuqala kwizifundo zobuntatheli eWSU. 

Eli qela lizibiza ngokuba yiEastern Cape for Africa Foundation, neenjongo zayo izezokunikela ngeePads kunye neencwadi. 

Lo mbutho uye wafuna inkxaso kumashishini angqonge iMonti. 

Omnye wabasunguli balo mbutho uMongezi Ntsebenzo uthi: “Linyathelo elihle kakhulu eli kuba abanye bethu basuka kumakhaya angathathi ntweni, yiyo lo nto kubalulekile kengoku ukunceda abantwana abahlelelekileyo.”

Aba bafundi bazimisele ukunceda abantwana abangamashumi amathathu besi sisikolo.

 “Siyabuqonda ubunzima abajongene nabo abantwana abahlala emaphandleni, ukuswela imali yokuthenga ezi Pads, kuba abanye abayi esikolweni xa besexesheni,” utsho uNtsebenzo.

Lo msitho uza kubanjelwa kwiYunivesithi iWalter Sisulu kwikhampasi esePotsdam ngomhla wamashumi amabini anesibini kweyoMsintsi.