Abafundi baseZingisa bakhumbul’ emva

 

Amagqiyazana amathathu aseMthatha awayefunda kwisikolo samaKatolike, iZingisa Comprehensive High, acinge emva apho ayefunda khona ngokuthi abinze ngesixa semali esizokujongana nenkxaso kwanophuhliso lwesi sikolo.

Aba bafundi baphumelela uGrade12 wabo ngo2000 kwesi sikolo, nguHombakazi Tshandu, uLungelwa Mnyamana kwakunye noPhaphama Malashe.

UTshandu, ethetha kwiveki ephelileyo eZingisa ngethuba bebambe lo msitho wokusungula lo mbutho wabo bawubiza iZSHC Alumin Foundation, uthi bacinge emva apho babunjwe khona xa kanye begqiba iminyaka engamashumi amabini apha ku2020.

“Umbono wethu kukunika iqonga kuye nabani na owayekhe wafunda kwesi sikolo eze ngaphimbili siphuhlise iZingisa Comprehensive High” utshilo uTshandu nongusihlalo weZSHC Alumin Foundation.

Ngokwemibono emifutshane yalo mbutho, ngokokutsho lwala magqiyazana, kukuba usebenzisane nesi sikolo ekuqhubekekeni sivelise iziphumo ezincumisayo eMthatha nakwiziphaluka. Ikwazibophelela nasekuncediseni abafundi abanetalente kodwa bengazi ukuba baqale ngaphi. Okunye okuza kuthi kwenziwe ngulo mbutho kukuncedisa abafundi abatsala nzima ekubhataleni iindleko zesikolo.

UMnyamana nonguSekela-Sihlalo, naye uhlabe ikhwelo kubanye abafundi asele baphumelela ababefunda eZingisa.

“Singabafundi baka2000 siyalivuyela kakhulu eli nyathelo silithabathileyo. Kwaye sizinikele ekwakheni igama lesi sikolo ngalo mbutho. Sikhuthaza nabanye beze nabo babekwimbali yotshintsho eZingisa Comprehensive High,” uvale ngelo uMnyamana.

UAndile Nomlala nonguMongameli weBMF eMzantsi Afrika, naye owayengumfundi kwesi sikolo ngo2000, ukhuthaze abafundi esithi bazame kangangoko bazimisele kumsebenzi wabo ukugcina esi sikolo sinegama elihle kwiziphumo zokuphela konyaka.