Abafundi batshe bekwisakhiwo

LUSAQHUBA uphando ngonobangela womlilo otshise indawo yokuhlala abafundi kwiYunivesithi iWalter Sisulu eMthatha kwiziko elizinze eNelson Mandela Drive.

Kwesi siganeko kutshe ngokumasikizi abafundi ababini nabangeniswe esibhedlele buphuthu phuthu.

Okona kothusayo kukuba akucaci ukuba bangaphi abafundi abahlala kule ndlu ngenxa yokuhlalisana kwabafundi baze bahlawulisane ngenyanga.

Lo mlilo uqhambuke ngomvulo kanye ngethuba lengqele ebiqhaqhazelisa amazinyo, kwaye utshise amagumbi aliqela neempahla zabafundi kwanombolo 16 eKuwait.

Ziyabethana izimvo ngonobangela walo mlilo. Othethela iYunivesithi Walter Sisulu uYonela Tukwayo uthi abaphandi beli ziko basazama ukukhangela unobangela nanjenjoko ngomvulo bengakwazanga kuzofika ngenxa yemozulu ebimbi.

Omnye wabafundi abebehlala kule ndlu uSifiso Dlamini uthe iyamothusa eyoqhambuka komlilo emini kwindlu abahlala kuyo nangona yena ebengekho kanye ngethuba kuqhambuka lo mlilo.

“Andiwazi ukuba ubangelwe yintoni, kodwa ndikrokrela iintambo zombane ezingafihlwanga kwizindlu zethu. Asikhuselekanga kwaphela singavuya xa ingaqwalaselwa le ngxaki ngaphambi kokwehla kwesinye isiganeko,” kutsho uDlamini.

Abanye abafundi abahlala kufuphi nale ndawo eKuwait bakrokrela istovu njengonobangela walo mlilo.

Omnye umfundi ongavumanga ukubizwa ngegama othethe neli phephandaba uthe: “Ingxaki yezindlu azikhuselekanga, sihlala sibaninzi, iiheater azisebenzi kunyanzeleka sibase izitovu zombane nto leyo iyingozi kuthi singabafundi. Sicela kulungiswe umbane sifakelwe neheater sizoyeka ukubasa izitovu xa kubanda. Izixhobo zokufudumeza amanzi azisebenzi.”

Sithetha nje mnye unfundi osagcinwe esibhedlele ngamanxeba okutsha lo gama ababini bebhila bhilwe bakhululwa.