Abafundi batyakatye incwadi engoMbeki

INCWADI ebhalwe ngabo bagudlane amagxa nobesakuba nguMongameli uThabo Mbeki ithandwe kangangokuba ithengise izihlandlo ezingamawaka alishumi ngenyanga nje enye, kodwa abafundi bezikolo zaseQonce bakholelwa ukuba kukho apho isilela khona.

Le ncwadi ethi The Thabo Mbeki I Know isungulwe okokuqala eMpuma Koloni kule nyanga kumsitho obubanjelwe eSteve Biko Centre eQonce.

Abafundi kwizikolo ezithile eQonce, abafundi baseWalter Sisulu University, eFort Hare naseLovedale bekunye nabasebenzi beThabo Mbeki Foundation (TMF) kwakunye neSteve Biko Foundation bathe bazimasa umsitho wokusungulwa kwale ncwadi ehlelwe nguGqirha Sifiso Ndlovu ekunye noMiranda Strydom.

Izikolo zaseQonce ezithe zazimasa oku ziquka iForbes Grant, Charles Morgan, St Thomas nezinye.

Emva nje kokuba oyingqonyela yeTMF uMax Boqwana enze imvula-mazwi kulo msitho, abafundi banikwe ithuba lokutyakatya le ncwadi etsale umdla kumlisela nomthinjana weli loMzantsi Afrika.

“Mna ndibona ukuba le ncwadi ibhalwe kuphela phantsi kwezizathu zokuncoma utata uMbeki,” utshilo umfundi wase-St Thomas. Omnye umfundi uthe: “Mna ndiya yamkela le ncwadi, kodwa ndinako ukuyigxeka kuba ithe yasilela ekusiboneni elicala kudala ligxekwa ngotat’ uMbeki.”

Ecacisa malunga nale ncwadi, uBoqwana uthe: “Le ncwadi ibhalwe emva kokuphokoka kwezicelo zoluntu olwazana noMongameli Mbeki lusithi lufuna ukhe lubhale ngaye. Siye safumana izicelo zabantu abaphaya kwikhulu kodwa sakhetha kuphela ukupapasha isiqingatha sabo bantu.”

UBoqwana uthi kudala abantu abakhe bagudlana amagxa nokaMbeki befuna ukukhe bathethe gababala ngaye. “Kuba kaloku uMongameli Mbeki abantu bafuna aziwe njengomntu okuphikayo ukuba kukho ukubhubha kwabantu ngenxa yesifo sikagawulayo, ukutya tyum ngemeko yaseZimbabwe okanye umntu onobuhlanga,” kutsho uBoqwana.

Kodwa ngaphandle nje kwenkxalabo yabafundi abathile, iziphathamandla ziye zakonwabela ukunikwa kwethuba kwabafundi ukuba baxovule le ncwadi.

Ingqonyela yeSteve Biko Foundation * -Obenewa Amponsah uthi yinto ekudala eyilangazelela ukubona abafundi bethetha ngale ncwadi.