Abafundi bayabizwa eNMMU

Nelson Mandela Metropolitan University (NMMU)

Olu hlobo lwesidanga lwaluphehlelelwe ngowayesakuba ngumphathiswa wesebe lokuhlaliswa koluntu kuzwelonke uTokyo Sexwale eNMMU ngoMatshi ka2013.

Olu hlobo loqeqesho lwenziwa iminyaka emine. Esi sidanga sifuna umfundi abe- neMathematics kwinqanaba likaLevel 4 okanye iMaths Literacy kwinqanaba likaLevel 6. Zombini iilwimi zomfundi kufuneka zibe kwinqanaba likaLevel 3

ubuncinci.

Noxa nje eli nyathelo laseNMMU libonwa njengelona khubalo kulwakhiwo lwezindlu, balishumi kuphela abafundi abenza ibanga leshumi abathe bafaka izicelo zolwamkelo kulo nyaka ukuze bafunde ngo2016. Oku kuyaxhalabisa kwiziphatha-mandla zeyunivesithi.

Abanye bazenzile izicelo ngomnatha bazishiya phakathi bengafakanga nalo maxwebhu afunwayo ukuze umntu afumane indawo yokufunda. Malunga namashumi alithoba anesihlanu ekhulwini (95%) abafundi abakule nkqubo ukususela ngonyaka ka2014 bafunda ngenkxaso-mali esuka kwiSebe lokuhlaliswa koluntu libambisene nesetyana loqeqesho koorhulumente basemakhaya (Local Government SETA).

INMMU ivule ingxowa yenkxaso-mali yabafundi ejongene nabafundi abakhutheleyo kwizifundo zabo babe bengathathi ntweni. Ikhabhinethi yeMpuma Koloni igqibothatha isigqibo sokuncedisa iiyunivesithi eziseMpuma Koloni ngezigidi ezingamashumi amabini eerandi ukuxhasa imfundo ephakamileyo kweli phondo. Kuwo onke lo matile- tile enziwayo ukukhawulelana nabafundi abazongena eziyunivesithi bona abafundi basonge izandla. Ingakumbi xa kufikelela kumcimbi wokufaka izicelo nokuthumela zonke iimpepha ezidingekayo.

Kumenyelelwa izicelo zolwamkelo kwisidanga seBachelor of Human Settlements Development ukulungiselela u2016. Abafundi bebanga leshumi kulo nyaka mabangalindi iziphumo zokuphela konyaka ukuze bafake izicelo. Abafundi abanazo ezi zinto zingentla nabathe bapasa ibanga leshumi kwiminyaka egqithileyo bayacelwa ukuba bafake izicelo zabo.

Abafundi bebanga leshumi, amakhaya abo asematyotyombeni okamye esitalatweni bafunwa ngamandla kule nkqubo. Abafundi abakhula nzima ezilalini kumakhaya angathathi ntweni ingakumbi loo makhaya akhiwe ngezitena zodaka noongquphantsi abakhixikayo bafunwa ngamandla kule nkqubo. Iyunivesithi izakuwa ivuka ukuxhasa abafundi abasuka kumakhaya ahlelelekileyo.

Umfundi okanye lowo unomdla wokulandelela le nkqubo makatsalele ezi nombolo:

Nkszn Noluvuyo Maswana (Email: Noluvuyo.maswana@nmmu.ac.za)

Mnu. Baxolele Mafuya (Email: Baxolele.mafuya@nmmu.ac.za)

Mnu. Andisile Best (Email: Andisile.best@nmmu.ac.za)