Iziphumo zabafundi bakaGrade 12 ziza kufumaneka ezikolweni ngentsimbi yesibhozo ekuseni ngomhla weshumi elinesine (14) kwinyanga ezayo, ngoJanuwari, ngokokutsho kweSebe lezeMfundo eMpuma Koloni.
Ezi ziphumo ziza kuphuma ngomhla weshumi elinesithathu (13) zibe sele zifumaneka ezikolweni ngosuku olulandelayo.
UMphathiswa weSebe lezeMfundo eMpuma Koloni, uFundile Gade, ebethetha ngoLwesithathu kule veki eMandla Makhuphuka Education Leadership Institute ngethuba ebambe indibano noonondaba baseMpuma Koloni malunga namalungiselelo eziphumo, ukuhamba kakuhle kwenqkubo yokumakisha amaphepha kwanokulungela unyaka ka2025.
UGade uthi amagama abantwana azakuthi avele okanye apapashwe kumaphephandaba ngawabo abazali babo bathe banikeza ngemvume ukuba apapashwe amagama abantwana babo. Uthi abo banganikezanga mvume awazukupapashwa, kwaye baza kufumana iziphumo zabo ezikolweni ngomhla we14.
Uqhube wathi inkqubo yokumakisha amaphepha angaphaya kwesigidi (1.4 million) abafundi abayi117 000 iyaqhubeka. Amaziko achophele inkqubo yokumakisha eMpuma Koloni angamashumi amabini anesihlanu (25), amahlanu amaziko kwanga asezilalini, kwaye akhuselekileyo nanjengoko kwaqalwa ngokwenziwa ujongo.
UGade uthi phakathi kwemicelimngeni elijongene nayo iSebe ngethuba kuqhuba iimviwo zokuphela konyaka kwinyanga ephelileyo, iquka ukuphazamiseka kwabafundi abayi319 bezikolo ezihlanu zaseKariega kwisithili saseNelson Mandela.
Aba bafundi abazange bakwazi ukubhala iphepha labo lokuqala leCAT ngenxa yezikhukhula zemvula. Kwanesehlo sokudlwengulwa kwabafundi abahlanu baseMqhekezweni eMthatha, ezo ngxaki baye bazisombulula kuba abafundi baye banikezwa elinye ithuba lokuba baphinde babhale ngomhla we28 kuNovemba.
Ngokwezi ziphumo, zisaphucukile eMpuma Koloni nanjengoko zikumashumi asibhozo anesihlanu eepesenti ekhulwini (85%). ISebe lithi liza kumfumana [u85%] kwakhona kanti nangaphezulu.
ElezoThutho lithi liyaxhalabisa inani elonyukileyo lokubhubha kwabantu ePhondweni!