Abafundi eWSU babulale abarhanelwa

ABAFUNDI beYunivesithi iWalter Sisulu babethe babulala amadoda amabini, eyesithathu bayishiya iyingxwelerha kumasango eli ziko eliseNelson Mandela Drive eMthatha.

Esi sithathu siqikelelwa kwiminyaka engamashumi amabini anesihlanu, nesichazwe njengabahlali bakwaPayne eMthatha sihlaselwe ngabafundi ngobusuku bangoLwesihlanu, emva kokufunyanwa kwenye yeendawo ezihlala abafundi. 

Abafundi batyhola ngelithi la madoda ababela iifowuni neekhompyutha. Ixhoba lokuqala libethwe laswelekela kwindawo yexhwayelo ngaphambi kokufika kwamapolisa, elesibini laswelekela esibhedlele ngoMgqibelo, ngelixa owesithathu esalele bgadletyana nye kwisibhedlele iNelson Mandela Academic, eMthatha.  

Amapolisa aseMthatha avule amatyala amabini okubulala nelinye lokubetha ngenjongo zokwenzakalisa umzimba kulandela olu hlaselo. 

Isithethi samapolisa eMthatha uKaptein Dineo Koena uthi abafundi bakwagibisele babetha imoto yamapolisa, isithuthi esikhwelisa izidumbu kwakunye nesithuthi sezigulani. 

UKoena uthe “Amapolisa akakhange afumane mpahla zabusela kumaxhoba, akukho natyala livuliweyo ngakuwo, akukho nomfundi ozise ngaphambili isimangalo. Amatyala okubulala amabini avuliwe kunye nelokubetha ngenjongo zokwenzakalisa.”
Abafundi bagxeka iWSU ngokungaqinisi ukhuseleko lwabafundi besithi yiminyaka bekhalaza. Ilungu lebhunga elimele abafundi kule yunivesithi uMxolisi
Zoko uthi kususela ngonyaka ka-2012 uthi, basoloko bephakamisa ukuqiniswa kokhuseleko kweli ziko. 

UZoko uthe “Asikukhuthazi ukubethwa kubulawe abantu, kodwa ukubethwa kwabantu babulawe ngabafundi yindlela esinayo, nesixhobo sokuzikhusela kootsotsi abadakasa kweliziko. Ukuba eliziko belifakelwa iikhamera ngebekhuselekile abafundi.

Omnye wabafundi obekhona ngethuba kubethwa la madoda nongavumanga ukuzichaza igama uthe, bebesebenzisa kwanto ephambi kwabo ukubetha la maxhoba. Ukwathi kudala bekhuthuzwa bengena mthetheleli kuba abasemagunyeni bachasele okwethamsanqa. 

Ingxelo zithi nakwiveki ephelileyo kuxhonyiswe abafundi kwathathwa oonomyayi babo ngaphakathi kweliziko.

UYonela Thukwayo othethela iWalter Sisulu uthe iyunivesithi iyasikhalimela, isigxeka esi siganeko. Akukabanjwa mntu okwangoku, amapolisa asaqhuba uphando ngokubethwa kwalamadoda, kwaye amagama amaxhoba ebengekaziswa.