Abafundi: siyafa yindlala

“Asinaxesha la- mibhiyozo thina, kuba silambile.”

Oku kuthethwe ngabanye babafundi abebevuma amagwijo phambi kweholo apho bekubanjwe khona imibhiyozo yeminyaka elikhulu yeYunivesithi iFort Hare eDikeni ngoLwesihlanu.

Abafundi abakwinani elivisayo babuthelene phambi kwamasango ale yunivesithi ngeenjongo zokubonakalisa ingqumbo yento abayibiza njengokungakhathalelwa ngoomanejala beli ziko mfundo.

Bebephethe amaphekepheke anemiyalezo ehlasimlisa umzimba. Bambi bebephethe amaphekepheke athi “yinja uTom” bejolise kwingqonyela yeyunivesithi uGqirha Mvuyo Tom bambi bephethe athi “siyafa yindlala”.

Umfundi ogama linguZamuxolo Matyolweni owenza unyaka wesithathu kwizifundo zobunzululwazi (BSc) uthe: “Kunyaka ophelileyo kwakuvunyelwene ukuba abafundi abanamatyala kaNSFAS bazakunikwa iziqinisekiso (certificates) zabo bayokufuna imisebenzi, emva koko bahlawule amatyala abo.”

“Kodwa xa bekuthwesa izidanga kulo nyaka, abafundi abanamatyala abazinikwanga iziqinisekiso zabo. Siyihoye njani ke ngoku imibhiyozo?” kubuza uMatyolweni.

Omnye umfundi uSandiswa Dyani, othi wenza unyaka wesibini, uthe: “Silambile, iphi imali yokutya? Sizakubhala iimviwo (kule veki); sifunde phi? Sibhiyoze njani?” lowo ngumbuzo kaDyani.

Ngethuba uMongameli Jacob Zuma noMongameli Robert Mugabe waseZimbabwe besenza intetho malunga nemibhiyozo kaNokholeji, igquba labafundi kule khampasi yaseDikeni beluvutha ngumsindo lutshisa amavili lukwavale nezinye iindlela ngaphakathi kule yunivesithi.

Kodwa ubukho bamapolisa bukwazile ukunqanda undonakele, nanjengoko abafundi bavele bathi qhu saa xa bebona amapolisa esondela kubo.

Abanye abafundi bakwazidaphele kukutya kweendwendwe ngethuba abasemagunyeni bebesaxakekile ngaphakathi eholweni. Amapolisa akwazile ukuchitha elo gquba belufuna oku kwecephe.