Abafuyi boMzantsi Afrika neCorona

URoelf Meyer ethetha ngethuba kumiselwa iAGDA ePitoli

Umphathiswa weSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba kweli uThoko Didiza uxelele amafama oMzantsi Afrika eSun Arena ePitoli ukuba angahle achatshazelwe sisifo seCorona esibhuqa ilizwe laseChina.

Lo Mphathiswa uthethe oku ngethuba esenza intetho yakhe kumcimbi wokumiselwa ngokusesikweni kweArhente yokuphuhlisa ulimo nokufuya eMzantsi Afrika iAgricultural Development Agency.

Uthi isifo seCorona singxamile kwaye eli lingachaphazeleka ngokukhawuleza ingakumbi abavelisi benyama yenkomo. “Ilizwe lethu lithumela inyama yenkomo eninzi kwilizwe laseChina, ukukhula kwesi sifo kuza kusichaphazela ukuba asinakulawulwa ngokukhawuleza,” kutsho uDidiza. IAgricultural Development Agency yiArhente ezimeleyo ethe yamiselwa ngethuba kuqhutywa inkomfa engokubonisa indima yobuxhakaxhaka bale mihla kwezolimo.

UDidiza uthi amafama amnyama kumele ukuba angene ngamandla kwiinzame zokusebenzisa ubuxhakaxhaka bale mihla ukuze akhule ekulimeni nasekufuyeni.

“I-AGDA ize kuvula iqonga elicacileyo eliza kuncedisa amafama ukuba akwazi ukujongana neengxaki eziquka kanye esi sifo seCorona esebenzisa ubuxhakaxhaka bale mihla,” ucacise watsho uDidiza.

Ethetha ngokusungulwa kwale arhente, owayesakuba liLungu lePalamente uRoelf Meyer uthi ngumbono omdala lo.”

Siqale ukuba nawo umbono wokumisela le arhente ngoTshazimpuzi ngo2018, sajikeleza sixoxa ngendlela zokumiselwa kwawo, sincediswa ngurhulumente,” kutsho uMeyer.

Le arhente iza kuncedisa urhulumente kumalinge okukhuliswa kwamafama asaqalayo ukuze aphucule intsebenziswano namafama aphuhlileyo.

“Ingxaki zokwabiwa komhlaba, ukuncedwa kwamafama ngolwazi nokungena kwiimalike zehlabathi, zezinye zezinto esijonge ukuzenza sisebenzisa le arhente,” kutsho uMeyer.

UMeyer uthi abafuni mali kurhulumente koko bafuna inkxaso yokususa imiqobo endleleni ukuze kuphuhle amafama, ingakumbi asaqalayo.

Usomashishini okwangumfama weli leMpuma Koloni, uGloria Serobe, ubephakathi kwabo baliqhwabele izandla eli linge lokumisela le arhente. Igosa eliphuma kwiofisi kaMongameli uCryil Ramaphosa, uRuddy Dix, uthi bayalixhasa ilinge lokumiselwa kwale arhente.

“Silapha ukuza kuxelela amafama oMzantsi Afrika ukuba siwaxhasa ngaphandle kwamathandabuzo kwiinzame zawo zokudala intsebenziswano phakathi kwamafama asaqalayo nalawo aphuhlileyo,” uthethe oko uDix.

Iinkampani eziphuma kweli nakumazwe angaphandle ezivelisa iimveliso zobuxhakaxhaka bala maxesha obusetyenziswa ezifama zitshintshiselene ngeqonga zibonisa iindlela ezintsha zokulima nokufuya.

“Amafama asaqalayo kumele ukuba asebenzise le arhente ukuze akhule ngolwazi, ukuze akwazi ukuzimela ngokwezemali nezinye iindlela,” kutsho uDix.

Ngenxa yesifo seCorona, ilizwe laseChina sele lilahlekelwe ngabantu abangaphezu kwewaka, logama imeko yezemali ibetheka ngamandla.

“Sele eyekile amanye amazwe ukuthumela imithwalo eChina ngenxa yokugada ukhuseleko lwabantu kwesi sifo,” utshilo uDidiza.

Umfundi waseMonti uvaleleke kwela lizwe laseChina, kodwa uchazwe ukuba akakachatshazelwa sesi sifo sibhuqa ihlabathi.