Abagobi phondo ekuyuceni amadoda ‘angondliyo’

UKUVULWA kwamaqela amabini amadoda kaFacebook okuqubisana neqela likaFacebook lamakhosikazi elibizwa Izinja Ezingondliyo, akuwathibazanga la makhosikazi ekuhlazeni amadoda ekuthiwa akondli iintsana zawo.

Kwithutyana nje emva kokuba kuvulwe eli qela lithi Izinja Ezingondliyo, amadoda aye avula amaqela amabini, elinye libizwa Reason Why Singondli logama elinye libizwa The Real Reason Singondli.

Kweli qela lamakhosikazi indoda ifakwa kuFacebook ngobuso bayo, kutsho kuxelwa iminyaka yomntwana wayo kwaneminyaka eyithathileyo ingondli umntwana wayo. Hayi ke ukuyucwa!

Kweli qela lamakhosikazi kukho nabefundisi, amapolisa, abatshatileyo nabanye abantu ngokuhluka kwezintlu zabo.

Umsebenzisi kaFacebook ubhale kweli qela lamakhosikazi esithi: “Ndicela ukukhutshelwa lo Rova ungumshumayeli ongenanyani. Umntwana una-8yrs ngoku wagqibela umthengela ukutya ena-9 months. Umbona nje egqitha ngendlela, mandithethe inyani umntu ebemane emcinga umntana ngusister wakhe oswelekileyo.”

Ukanti kwiqela lamadoda, umsebenzisi kaFacebook ubhale kanje: “Mna ndaye ndondliswa ngenkani ngomnye usisi umntwana ndimbona ukuba yibhatyi wathi ndikhetha ntoni kunokondla kunokuphambana ndandingenothi ndikhetha impambano…”

Enye indoda ibhale ngolu hlobo: “Mna ndazinceda ngovele ndiboleke umntwana ndimthengele kwanto endicinga ukuba uyayidinga not ndinikise ngemali esandleni.”

Isithethi sesebe lezobulungisa kuzwelonke uMthunzi Mhaga uthi lulwaphulo-mthetho into yokubiza igama lomntu kula maqela kaFacebook.

“Lulwaphulo-mthetho ukumkhankqula ngegama kuFacebook, ingakumbi xa umthuka. Eyona embi kule nto kukuba kubizwa amagama abantwana abangangeni ndawo kule nto. Iinkundla zethu ziyithathele ingqalelo into yesondlo somntwana, ngoko ke akukho sizathu sokuthukana kooFacebook.

“Kodwa ke kuyafuneka ukuba umntu ozele umntwana alwazi uxanduva lokondla ungade usiwe ezinkundleni,” utshilo uMhaga.

Imizekelo yokuyucwa kumnatha (cyberbullying) iquka imiyalezo yomnatha ekutyityimbisela umnwe okanye ekuyucayo.

Iingcebiso kwabo bazifumana bengamaxhoba okuyucwa kuFacebook, Twitter nakuWhatsApp ziquka ezi: Musa ukuphendula, emva koko ugcine (futhi uprinte) ezinkcukacha ubuthukwa ngazo uzise emapoliseni.

Ukuba uzibhaqa ulixhoba lokuyucwa kumnatha, tyelela iwebhusayithi ethi https://www.cybersecurityhub.gov.za ukuze afumane iinkcukacha ezithe vetshe.