‘Abagqatswa mababe zizicaka zoluntu’

ABAGQATSWA kunyulo loomasipala mababe zizicaka zoluntu ekuhanjisweni kweenkonzo.

Lawo ibe ngamazwi kaBhishophu wamaTshetshi uBethlehem Nopece, ngethuba amaqela ezopolitiko eMpuma Koloni ebetyikitya isibhambathiso sokuziphatha ngendlela efanelekileyo kumalungiselelo onyulo.

Lo msitho ubuzinyaswe ngamaqela ezopolitiko alishumi elinanye, kulawo angamashumi amane anesibini kweli phondo azakuthabatha inxaxheba kolu nyulo elingomhla wesithathu ka-Agasti. Lo msitho ubusingathwe yikomishini yonyulo ezimeleyo i-IEC e-IDZ eMonti. Usekela sihlalo we-IEC uTerry Tselane ubongoze amaqela ezopolitiko ukuba afundise amalungu awo ngokuzimela kweIEC. “Abezopolitiko mabangatyholi i-IEC, badale iintandabuzo ngayo kungekho bungqina obuxhasa ezozityholo,” utshilo okaTselane.

Ukwathe lekomishini akutshiwo ukuba ayinaziphene, kodwa kukho amanyathelo asemthethweni anokuwalandela xa kukho ukunganeliseki. Ngo-Epreli walo nyaka, inkokeli yeEFF uJulius Malema watyhola i-IEC ngokuba nedolo kunyulo. UMalema waxelela amawaka-waka wabalandeli balo mbutho ukuba unyulo alikho nje phakathi kwe-EFF ne-ANC, kukwakho ne-IEC engumqobo. Noxa kunjalo, lo mbutho kweli phondo uzibophelele kwisibhambathiso esityikitywe ngamanye amaqela.

Ijaji yenkundla yonyulo uWillem Lotter Wepener ufundele amaqela indlela yokuziphatha, nathe afunga ukuba azakuyithobela. Inkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumulo Masualle, nobemele i-ANC kulo msitho uthe, bengulo mbutho banamalungu aqeqeshelwe ukufundisa amanye amalungu alo mbutho emasebeni ngendlela yokuziphatha.

Ukwathe akazuduba qela limbi, nangona kungekho qela bazakuliyeka libabethe kunyulo.