Abahlala ezitalatweni: Umqobo kukungabikho komgaqonkqubo

UMphathiswa woPhuhliso loLuntu eMpuma Koloni, uSiphokazi Lusithi, uthi isebe lakhe alikho kwimo yokwakha iziza zesigxina zabantu abahlala ezitalatweni ngenxa yokuba awukho umgaqonkqubo olawula oko.

ULusithi ebephendula kumbuzo kaEdmund Van Vuuren weDemocratic Alliance, obebuza ukuba ingaba isebe liyakucinga kusini na ukwakha iziza zesigxina zabantu abahlala esitalatweni.

Umhla weshumi kweyeDwarha lusuku olubekelwe bucala lihlabathi ukunika ingqwalasela yabantu abahlala ezitalatweni.

Ngethuba lokuqatsela kwentsholongwane yeKhorona, isebe, ngokokutsho kukaLusithi, liye lagxumeka iziza zethutyana ukuze abantu abahlala ezitalatweni bakwazi ukufihla intloko futhi bakhuseleke. Bamalunga namakhulu amathathu abantu abahlala ezitalatweni abathe bathathwa basiwa kwiziza zethutyana lisebe, kwaye uninzi lwabo babekumasipala iNelson Mandela Bay.

Xa ebuzwa nguVan Vuuren ukuba bayakucinga kusini na ukwakha iziza zesigxina, uLusithi uthe: “Isebe alinakuba kwimo yokwakha iziza zesigxina kuba akukho mgaqonkqubo olawula oko, kodwa isebe liza kuqhuba nokunikeza iinkonzo zokuxhasa abo bakwiziza esele zigxunyekiwe.”

ULusithi uthi iinkonzo abathe bazinikeza aba bantu ziquka ukutya kwamihla le, iimpahla ezintsha, izinto zokuhlamba, intuthuzelo ngokomphefumlo kwaneenzame zokubadibanisa neentsapho zabo.

Noxa kunjalo, uLusithi uthi abanalo inani labantu abahlala ezitalatweni, esithi baxhomekeke koomasipala malunga noko.

UVan Vuuren uthe: “Ukuba inkxalabo kaMphathiswa imalunga nokungabikho komthetho olawula ukumiliselwa kwezi ziza, njengoMphathiswa okwiKomiti yeNdlu yoWiso-Mthetho, makaqwalasele inkqubo yokuqulunqwa komthetho malunga noku.”