Abahlali baseGxulu bakhalazela inkwari eshukumisa imigangatho yezindlu zabo

Udonga nefestile ekutyholwa ngelithi zichachambiswe luqhushumbo lwelitye kwinkwari yeAMC, eGxulu, eVezamandla. Umfanekiso: Ntombovuyo Ngaphu

Abahlali bakwilali
yaseGxulu, eVezamandla phantsi kwesithili saseLibode bakhala ngelithi
imigangatho yezindlu zabo iyashukuma xa kuqhushumbiswa ilitye kwinkwari ekude
kufuphi nemizi yabo ebizwa ngokuba yiAfrican Mining and Crushing grandwave
quarry (AMC).

“Ithi uba ithi bha!
Ndive kushukuma apha phantsi,” utshilo umama uMadlamini Guleni ongomnye
wabahlali abachaphazelekayo ngulo mba.

Uthi ukushukuma
komgangatho wendlu kuye kukhokhelele ekushukumeni kwezitya ezo zisendlwini.
“Ndibon’ uba zokhe zikroboke ngeny’ imini,” utshilo uGuleni. “Xa benoya pha
kwam, kufuneka bakhe baphume xa bezoyidubula eve umntu xa epha ngaphakathi uba
akuzushukuma na lapha phantsi.”

Xa ebuzwa ukuba
unqwenela kwenziwe ntoni ukuqinisekisa ukuba indlu yakhe ayichaphazeleki kakubi
yile nkwari uGuleni uthe; “Andiyazi kaloku ngokwenza
kwabo kuba kwavuma abahlali kwakhiwa pha ecakwabantu.”

“Ikholise ngale nto
itsho emini ingatsho ebusuku ukwenzela uba nawe ukhe ujonge ungatyumzwa
yindlu,” utshilo uGuleni.

USandi Sutton ongumhlali
waseGxulu kude kufuphi nenkwari naye uthi indlu yakowabo ichachambile yaye
kophuke nefestile ngenxa yokuqhushumbiswa kwelitye enkwarini. Uthi inoba eyona
nto ibangela ukuba bachaphazeleke kakhulu bona yinto yokuba izindlu zabo
zijongene ngqo nenkwari.

Isithonga esinye
sokuqhushumbiswa kwelitye sibachaphazela ngeendela ezininzi abahlali baseGxulu
nangona sivakala kanye emva kwethuba elide. “Xa ibethile kuvele kucace ukuba
ibethile,” utshilo uSutton. “La nto leya bekufanele ukuba bayiyeke qha,”
wongeze ngelitshoyo.

Xa ebuzwa ukuba ucinga
ntoni ngemisebenzi yabantu baseGxulu abasebenza phaya enkwarini xa inokupheliswa
inkwari uSutton uthe; “Uba ke ngoku thina sohlala phi mhlawumbi, ikhona indawo
abazosizamela yona esizohlala kuyo?” “Sinabo nootata bethu esibangcwabele
kwalapha,” wongeze ngelitshoyo.

UMlawuli weAMC, uUyanda
Hogana uthi uyazothuka ezi zikhalazo nanjengoko zingazange zavela
kwiintlanganiso abazibamba rhoqo nabahlali baseGxulu. Utsho esithi uyathemba
ukuba ezi zikhalazo azikhiwanga nje esithubeni.