Abahlali baseKhayelitsha baza kuhlala ebumnyameni emva kokukhuthuzwa kwabasebenzi bakwaEskom

Abahlali baseKhayelitsha baza kuhlala ebumnyameni emva kokukhuthuzwa kwabasebenzi bakwaEskom.

Abahlali baseNkanini eKhayelitsha baza kuhlala bengenambane nakule veki emva kokuba uEskom kunyanzeleke ukuba arhoxise iinkonzo kulo mmandla kulandela izehlo ezibini zolwaphulomthetho ngoLwesihlanu.

“Abaphathi abaphezulu bakwaEskom kunye neenkonzo zabo zangaphakathi zokhuseleko baza kuthethana namapolisa kunye neenkokeli zasekuhlaleni malunga nezi ziganeko kwaye bafumane izisombululo zokuqinisekisa ukhuseleko lwabasebenzi phambi kokuba iinkonzo ziqalise. Ezi ziganeko zixelwe kumapolisa aseHarare naseMakhaza.”

Isithethi samapolisa, uFC van Wyk, uthi amapolisa ayaziphanda ezi ziganeko zozibini. Eyokuqala kukuqweqwediswa kwemoto okwenzeke kwisitalato iWalter Sisulu, eMakhaza ngentsimbi yesibini emva kwemini.

“Ngokweengxelo, unokontraka oneminyaka engama39 ubudala kunye nomntu asebenza naye bakhuthuzwe ngompu ngamadoda amahlanu angaziwayo. Kuphangwe imoto yohlobo lweNissan NP200 emhlophe (isithuthi esiqeshiweyo), nazo zonke izixhobo,” utshilo uVan Wyk.

“Ethubeni isithuthi siye safunyanwa eGximfiza Crescent, eMakhaza sasiwa eBellville sabhukishwa khona ukuze sihlalutywe.”

“Amapolisa aseHarare abhalise ityala lokukhuthuza ngompu ukuze kuphandwe. Iingxelo zithi ummangali onama32 ebesebenza kwindlela iNtlazane emva kwemini ngethuba kufika indoda engaziwayo yaza yamkhomba ngompu.

“Umrhanelwa emva koko wathatha ibhokisi yezixhobo kunye nefowuni yakhe wabaleka.”

Uceba wale wadi, uAyanda Tetani, uthi abahlali bebengenambane phantse iveki yonke phambi kokuba uEskom enze iinzame zokulungisa le ngxaki, kodwa ngenxa yolwaphulomthetho, oku kuza kushiya abahlali abasele benxunguphele bengenambane enye iveki.

UTetani uthe uEskom umxelele ukuba ukusukela ngoMvulo ukuya kuLwesihlanu ishedyuli yabo ibhukhwe ngokupheleleyo kwaye baza kukwazi ukuba nentlanganiso kwiveki ezayo kuphela.

“Ngoko ukusukela kule veki ukuya kwiveki ezayo abantu abazukuba nawo umbane kuba kufuneka siqale sibe nentlanganiso noEskom.”

Amapolisa abongoze nabani na onolwazi ngezi ziganeko ukuba atsalele iCrime Stop ku08600 10111.

Eli bali liqale lavela kwiCape Argus.