Abahlali baseSada banyevulela umyalelo obanika uphum’ aphele

Abahlali boogobityholo cebu kuhle kwidolophu yaseSada banikwe amaxwebhu asuka kumagqwetha akwaPillay Associates ukuba baphume baphele kula ndawo phambi komhla wamashumi amabini anesixhenxe kule nyanga.

La maxwebhu athi umhlaba abakhe kuwo amatyotyombe abahlali bendawo eyaziwa ngokuba yi-Old Location ngokamaspala kwaye uphantsi kwesebe lophuhliso lwamaphandle kwanohlengahlengiso lwemihlaba.

Ethetha neli phepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa umhlali ongafunanga kuchazwa, uthe: “Sothukile thina kukufumana amaxwebhu asuka emagqwetheni kwinkundla ephakamileyo yaseBhisho kusithiwa sakhe ngokungekho mthethweni kumhlaba kamaspala.”

“Lo mhlaba ubungasetyenziswa kwaye leya yayikade iyindawo yethu kakade, kwakuse Old Location kula ndawo, yindawo yethu leya hayi umasipala wase Lukhanji kwaye asiyi ndawo kungcono sibanjwe sonke. Akukho nomnye kuthi ozoya kwiinkundla zamatyala apha noba bangathini,” utshilo omnye wabahlali.

Nangona kukho esi silumnkiso ngethuba I’solezwe lindwendwela le ndawo, abahlali bebesankqonkqa amatyotyombe abo amatsha besakha.