Abahlali baseZiphunzana bavuyele ukutyelelwa nguRamaphosa

UMongameli weANC uCyril Ramaphosa etyelele eDuncan Village eMonti UMFANEKISO: Abo Ginya

IBIYIMINCILI yodwa kumatyotyombe aseZiphunzana eDuncan Village ngethuba abahlali bala mmandla bebona uMongameli weANC uCyril Ramaphosa engena ephuma kumatyotyombe wabo ejonga ukuba bahlala njani.

Kambe bebengakwazi ukuzibamba abanye bemchwethela bucala befuna ukubika iingxaki zabo, bambi befuna ukuthabatha imifanekiso naye.

Ngaphandle esitalatweni igwijo lisitsho kubalandeli beANC belinde ngobubele uRamaphosa.

USilili, ngokohlobo abizwa ngalo ngaba balandeli eZiphunzana, ebekhatshwa ngusihlalo weANC kwiphondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane kwakunye namanye amalungu ombutho aphezulu.

URamaphosa uphume wayokungena nakwikhaya legqala lombutho weANC elingasekhoyo uHenry Fazi kwaseZiphunzana, apho athathe ithuba ngaphakathi encokola nosapho longasekhoyo uFazi.

Olu tyelelo lukaRamaphosa luqale ngeCawa esisuka kuyo njengoko aqhube kwade kwalo lusuku lokugqibela phambi kwemibhiyozo yokugqiba ikhulu elinesithandathu yasekwayo iANC.