Abahlali batshabalalise ikhaya ngenxa yobusela!

Umfanekiso othunyelwe ngamapolisa
Lixhego elinamashumi asixhenxe, unkosikazi walo ona60, kwakunye nabazukulwana babo abane belali iManxotseni eMaxesibeni (Mt Allyff) abagcinwe kwikhaya elithile lisebe leNtlalo yoLuntu, emva kokuba beshiyeke bengenakhaya kuba bethe batshiselwa umzi wabo ngabahlali bale lali.
Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Raphael Motloung, aba batshiselwe kuba betyholwa ngokuba ngamasela emfuyo.
Abahlali bagqogqe eli khaya, bafika kukho inyama yegusha exheliweyo kwakunye nofele lwayo. Abahlali bancwine abarhanelwa bade bavuma ukuba igusha bayibile.
UMotloung uthi abahlali babethe abafana ababini kweli khaya omnye, onama-27 eminyaka ubudala wabhubha kwangoko, owesibini ukwimeko embi esibhedlele. Emva koko abahlali balayite uronta weli khaya watsha.
Amapolisa awakabambi mntu, avule ityala lokubulala, lokuzama ukubulala, ukutshisa, kwanokonakalisa impahla.