Abahlali batshise abantakwe eKapa!

KAPA: Lushiyeke ludandathekile usapho lakwaMaqhina
kwingingqi yoogobityholo eNkanini eKhayelitsha, kulandela ukutshiswa kusweleke
koonyana babo ababini ngexesha elinye. 

UThanduxolo nomkhuluwa wakhe uBulelani
Maqhina, kutyholwa ngokuba batshiswe ngabahlali bengingqi yoogobityholo
iEmsindweni eMakhaza, ngeCawe umhla wesihlanu kule nyanga. 

Ngokwengxelo, uThanduxolo utyholwe ngokuba umabonakude kumzi othile ze wathathwa ngabantu
abangaziwayo bamkhwelisa kwisigadla ebesigcwele abahlali silandelwa yiteksi
,
kulapho umntakwabo uBulelani aye wathi akashiyeki naye uya apho asiwa khona
umntakwabo. 

Ingxelo iqhuba ithi ukufika kwabo kwingingqi yaseMsindweni
ukhululwe uThanduxolo wabethwa ze wantunyekwa ngomlilo, umkhuluwa wakhe
akakwazanga ukuzibamba wafuna ukuqonda ingaba umninawe wakhe uza kubulawa
ngaphandle kobungqina kusinina, kudizwa ukuba emva kokuxambulisana nabahlali
baye bathatha isigqibo sokuba bamtshise naye uBulelani.

Utata waba bafana uThembile Michael Maqhina ubalisele oonondaba
ngendlela embi ayibone ingayo imizimba yoonyana bakhe, esithi akakhange akwazi
nokuqwalasela kakuhle kodwa ubonile ukuba omnye inyawo ebeziqothile elele
ngecala logama omnye ebelele ngomqolo engxongxile. 

“Sikhathazekile kakhulu
silusapho kuba kaloku ibikuphela koonyana endinabo aba, ngoku ndishiyeke
nomntwana oyintombazana. Imbi kakhulu indlela ababulewe ngayo abantwana bam.
Noko ndicinga ukuba njengabantu abadala bekufanele ukuba kuziwe kuthi okanye
asiwe emapoliseni lowo kukrokrelwa ukuba wonile.”

Udade wabafana uSinovuyo Maqhina uthi: “Ndibuhlungu kakhulu
ngabantakwethu, besivana kakhulu nalo bendimalekela uThanduxolo, abanye abantu
bebede bacinge ukuba singamawele ngendlela ebesivana ngayo. Apha kukho usisi
walapha ebumelwaneni owafikela kuThanduxolo emxelela ukuba kuqhekeziwe endlwini
yakhe kwathathwa izinto ezithile kwaye abo bantu uThanduxolo uza kubazi
kungenjalo uza kumbizela oonoteksi. Ngoku siva ukuba isigadla ebesikhwelise
abantakwethu besilandelwa yiteksi.” 

Uthi abazange bafumana sikhalazo sokuba
uThanduxolo uphange umntu ngaphandle kokuba ebethengisa izinto ezifana
namacangci kuba efuna ukuthenga iziyobisi, kwaye ngoku esweleka ebesele eyekile
kwa ukuthanda iitshomi.

Olu sapho luthi lukhathazekile kakhulu nakukuba kubekho
ushicilelo olwenziweyo lokutshiswa kwaba bafana kwaye iimbuso zabo ziyabonakala
kwaye olu shicilelo lujikeleziswa kumaqonga onxibelelwano. 

Bathi bahlupheka
nazizinto ezithethwa ngabantu bengenabungqina bazo. 

Nangona kunjalo uThembile uthi
okwangoku iingqondo zabo zisekubeni kufumaneke amancedo ukuze bangcwabe oonyana
bakhe kuba akukho mntu usebenzayo kusapho lwakhe. Uthi abayazi nokuba
baza kuqala ngaphi ngamalungiselelo okungcwaba kuba bengenayo nemdaka ipeni,
kwaye bangamkela naluphina uncedo.

Amapolisa athi akukabikho mntu ubanjiweyo kwesi siganeko kwaye
babongoza abahlali bayeke ukuthathela umthetho ezandleni.