Abahlali bavath’ iqaqa

Ibingumbo nomxesibe abahlali baseLinge kuKomani kwindawana ebizwa ngokuba yi-Cookhouse bedikwe yeyokosa besithi abafuni kwandlu engahlali mntu emva kokubulawa kuka-Abongile Mbhebe ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kweyeKhala.

Lo kaMbhebe wafunyanwa eswelekile kwenye yezi zindlu. Kuyavakala ukuba kukho nepolisa elabanjwa inkunzi laxuthwa umpu kwezi zindlu.

Baphume ngobunjalo ke abahlali baya kwisikhululo samapolisa, mapolisa lawo aye abathumela kuCeba, ze baphuma besadula yiToyitoyi becula ingoma ethi ‘Asiphelelanga, hayi hayi, kushota * -Abongile!’ ingumngcelele ukuya kwiholo yoluntu.