Abahlali bondlala imbilini kuMvenya

UTYELELE eSajonisi kummandla weti eMajola usihlalo weDA kweli phondo uVeliswa Mvenya.

UMvenya umenywe ngabahlali balo mmandla ngenjongo yokuphalaza imbilini yabo ngeengxaki abajongene nazo, eziquka abasebenzi kumasimi eti abangafumani ntlawulo.

Phakathi koluntu lwalo mmandla ubutyelelwe nguMvenya yinkosi yale ndawo. Uthe, “Sekuphele iinyanga ezingamashumi amabini anesixhenxe abasebenzi kumasimi eti bengafumani ntlawulo, sasivile ukuba kukho umlawuli ochongwe lisebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle, andikayazi ukuba kutheni bengahlawulwa kuba yayiyenye yeenjongo.”

Ukwathe uluntu lwale ndawo likhala ngekliniki enabasebenzi abambalwa nto leyo ayibona njengefuna isisombululo esikhawulezileyo.

UMvenya ukwathe, “Bekukho nolutsha, kwaye likhala ngokunqongophala kwemisebenzi, bafuna urhulumente weDA ngethemba lokuba uzakuza neenguqu ezizakukhokelela ekuveleni kwamathuba emisebenzi.”

Uqhube, “Andenzanga sithembiso, sixakeke lunyulo ngoku, ixesha lokuqwalasela izikhalazo zabahlali alikho, kodwa izikhalazo zabo ndizakuzilandelela.”