UMphathi wesiKhululo samapolisa eBityi ukhokele iphulo elibangele ukuba kubanjwe abarhanelwa abahlanu ngobusela bemfuyo, logama omnye wabo ebekwe ityala elongezelelweyo emva kokuba efunyenwe enompu ngaphandle kwelayisenisi. Oku kwenzeke ngexesha kumiswa ibakkie emhlophe ebilayishe iinkomo ezine kwindlela engaphandle kwaseBityi.
NgoMvulo umhla wamashumi amathathu (30) kweyeDwarha malunga nentsimbi yesithathu emva kwemini, uMphathi wesiKhululo ufumene iinkcukacha malunga neloli ebilayishe iinkomo ekurhaneleka ukuba zibiwe, sitshilo isithethi samapolisa uKapteni Welile Matyolo.
Ingxelo ithi, iqela lamapolisa lithe landela umkhondo ngokukhawuleza, nalapho ibakkie emhlophe ehambelana nenkcazelo efunyenwe ngamapolisa ithe yakhutshwa endleleni ilayishe iinkomo ezine kwitreyila, nebisingise kuN2.
“Ekuphekweni kwabo ngemibuzo abo babini bebekhwele le moto, umqhubi oyindoda kunye nowasetyhini, bathe ezi nkomo zithengwe kumadoda amathathu akwilokishi yaseNdibela, eBityi. Uphando lwamapolisa lusingise kumzi oseNdibela nalapho abarhanelwa abathathu bathe bakhonjwa njengabantu ababathengisele ezi nkomo.
“Kwafunyanwa umpu kunye neembumbulu. Bobahlanu abarhanelwa babanjwe bavalelwa ngezityholo zobusela bemfuyo nalapho omnye wabo wabekwa netyala lokufunyanwa enompu neembumbulu ngaphandle kwelayisenisi,” utshilo uMatyolo.
Abarhanelwa abahlanu, abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini ananye (21) namashumi amane (40), bavele kwinkundla kamantyi yaseBityi ngoLwesibini.
UMkomishinala wesithili saseOR Tambo, uMajor General Phumzile Cetyana, uwaqhwabele izandla amapolisa ngenyathelo lawo elikhawulezileyo lokubamba abarhanelwa.
“Ukubiwa kwemfuyo lolona lwaphulo-mthetho lufuna ingqwalaselo ephambili kwesi sithili, kwaye sibongoza abahlali ukuba baqhubeke nokuxela izenzo ezirhanelekayo,” uvale ngalo mazwi uMajor General Cetyana.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?