Abarhanelwa abahlanu abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ukuya kumashumi amahlanu (50), ekutyholwa ukuba bayayanyaniswa nokuxhwilwa kwendoda kwindawo yokwakha eMonti, bavele okokuqala kwinkundla kamantyi eMonti ngoLwesihlanu, umhla weshumi elinesithathu kweyoMnga 2024.
IiHawks zicele ukuba abarhanelwa bangachazwa ngamagama ngeli xesha kuqhutywa uphando.
Ukubanjwa kwabarhanelwa kungenxa yeenzame zeqela laseMonti leSerious Organised Crime Investigation yeeHawks, iFlying Squad yaseMonti, iFlying Squad & Crime Intelligence yaseMdantsane ngoLwesithathu, umhla weshumi elinanye (11) kweyoMnga 2024.
La madoda atyholwa ngokuxhwila indoda kwindawo ekwakhiwa kuyo ngoMvulo, umhla wesithoba kweyoMnga 2024 ngecala emva kwentsimbi yesithathu emva kwemini ngelixa wayehlola le ndawo ekwakhiwa kuyo.
Isithethi seeHawks eMpuma Koloni, uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana, uthi ixhoba kunye nogxa walo kwezoshishino bebekwigumbi lonogada, ngethuba umrhanelwa ongaziwayo enxibe isigqubuthelo sobuso ephethe umpu wangena kwigumbi lonogada wabayalela ukuba balale phantsi bobabini.
Iingxelo ezithe xhaxhe ziveze ukuba uthe elele phantsi, ugxa wakhe waqaphela abanye abarhanelwa ababini nabo benxibe izigqubuthelo zobuso bexhobe ngemipu, abaxhwila ixhoba balisa kwimoto emhlophe yohlobo lweSUV ebipakwe ngaphandle yemka nalo yaya kwindawo engaziwayo.
Kuthiwa kamva kwangalo mini, abarhanelwa banxibelelana nosapho lwexhoba befuna intlawulo.
Ngophando olunzulu, iingxelo zithi abarhanelwa bafunyenwe babanjwa eScenary Park eMonti. Ngelixa ixhoba lifunyenwe kwindlu kwilokishi yaseLitha eQonce lingenzakalanga.
“Omnye umrhanelwa ebengaphakathi endlini waza wabanjwa kwalapho. Ugqogqo luqhubekile kwathathwa imoto emhlophe yohlobo lweChevrolet Captiva SUV nanjengoko kutyholwa ukuba ibisetyenziselwa ukuthutha ixhoba. Ixhoba liye lasiwa esibhedlele ukuze lifumane unyango,” utshilo uMhlakuvana.
INtloko yeeHawks eMpuma Koloni, uMajor General Mboiki Obed Ngwenya, uvakalise umbulelo wakhe ngentsebenziswano encomekayo ebonakaliswe ngamapolisa.
Iphuncule amanqaku amathathu iChippa United emdlalweni obuseMonti!