Abajongene netyala lezindlu zangasese zaseAmathole bavela enkundleni kusasa!

Bavela phambi kweNkundla kaMantyi eMonti kusasa ngomso abarhanelwa abalishumi abaphakathi kweminyaka engama-34 ukuya kwengama-60 nabajongene nezityholo ezinxulumene nobuqhetseba kunye norhwaphilizo.


Eli shumi labarhanelwa libanjwe kusasa ngoLwesine kumaphondo ohlukeneyo eli loMzantsi Afrika. 

La maphondo leleMpuma Koloni, iMpumalanga, KwaZulu-Natal kwakunye nephondo laseGauteng. 


Olu phando lwenziwe liqela elinobuchule lumalunga nesivumelwano esanikwa inkampani ebizwa ngokuba yiBlue Nightngale Trading/ Siyenza nguMasipala weSithili iAmathole seR650 000 000. 


Ngokwesi sivumelwano, imali le yayizokwakha izindlu zangasese eziphuculiweyo zisakhelwa abahlali bendawo zaseAmathole. 


Olu phando lulandela isikhalazo esifakwe nguNondyebo weSizwe. 


Uphando lwangaphambili lufumanise ukuba imali ezizigidi ezingama-R650 yayiza kunikwa inkampani le nangona imali eyi-R286 yezigidi yayisele ihlawulwe kwaba barhanelwa.


UMkomishinala wamaPolisa ephondweni, uLieutenant General Liziwe Ntshinga udlulise umyalezo wombulelo koBambele njengoMlawuli kwezoTshutshiso.