Abakhubazekileyo abahoyekanga kweli

Ligxekwe kabukhali isebe lemidlalo, ubugcisa, nenkcubeko eMpuma Koloni ngokunganiki ncedo kumfundi okhubazekileyo wesikolo iSt Patrick’s eQonce, owenza amalungiselelo okuya kudlala kwimidlalo yeqakamba eAustralia.

Lo mfundi okhubazeke ngokwengqondo udinga imali yetikiti lokuya kule midlalo eAustralia emva kokuphumelela ebetha oogxabakhe kweli loMzantsi Afrika.

Inqununu yesi sikolo uSithabiso Mhlophe uthi nguqhelekile ukungahoywa kwesi sikolo lisebe lemidlalo nenkcubeko nangona abantwana bezibonakalisa ngokuphumelela.

“Ngo-2003 umfundi okwakufanele ukuba ayokudlala eScotland akazange aye ngenxa yokudinga imali yokuhamba nexabiso lamatikiti eliphezulu. Omnye wabafundi ebeye eIreland wabuya nendebe apho ephumelele naye asizange sifumane ncedo kwisebe lemidlalo nenkcubeko,” edanile utshilo uMhlophe.

Uthi uzibhalile incwadi eziya kweli sebe ecela inkxaso yokuhambisa umfundi ekumele ukuba athabathe inxaxheba kwimidlalo yeqakamba eAustralia.

Umfundi okhubazekileyo uSiphelele Mkolweni (18) kumele ukuba athabathe inxaxheba kwimidlalo yeqakamba yabantwana abakhuba-zekileyo ngenyanga yeThupha kunyaka ozayo.

U-Olwethu Ngwekazi wesi sikolo uphumelele kumdlalo weBlackball Pool kwinyanga ephelileyo (Dwarha) kukhuphiswano obeluqhutyelwa eIreland ngaphandle kokufumana uncedo lukarhulumente.

“Sicela uncedo letikiti lomntwana kwakunye nomntu ozakumkhapha ukuya kwisikhululo seenqwelo moya OR Tambo, nendawo yokulala yalo mntu uzakukhapha umntwana,” utshilo uMhlophe.

Nangona kukho ezingxaki zinokumbangela ukuba angahambi uMkolweni, lo mfundi uxelele I’solezwe ngovuyo analo ngetrhuba lokuya eAustralia.

“Ndivuya kakhulu kukufumana ithuba lokuba ndiyokumela ilizwe nesikolo sam eAustralia, andizange ndiphume ngaphandle eMzantsi Afrika ngaphambili,”uthethe watsho uMkolweni.

Inqununu yesikolo ithi babhenela ekusebenziseni imali yesikolo ukunceda abafundi kuba intsapho zabo azifikeleli kule nkcitho.

“Sancama sasebenzisa imali yesikolo ukunceda lo mfundi uphumelele eIreland, lonto isibetha kakhulu kuba sikhupha imali ebingamiselwanga lo nto isebenze umsebenzi ongengo wayo,” uthethe oko uMhlophe.

Ukungafumani kwaba bantwana uncedo lokuzimasa lemidlalo kubangela ukuba uhle umdla wabo kwezemidlalo nokuzilolonga.

Ukanti othethe egameni lesebe lemidlalo nenkcubeko eMpuma Koloni uAndile Nduna khange ade anike mpendulo kwezi zityholo, nangona ebethembise njalo.

Le nyanga yinyanga ebekelwe bucala ukukhathalela abantwana abakhubazekileyo kuMzantsi Afrika.

siyabulela.mqikela@inl.co.za