Abakhululwa boMzantsi Afrika

Ndilandelele ngomdla zinto ebezithethwa nebezisenziwa ngabantu kulo Tshazimpuzi siphuma kuye ukuphawula isikhumbuzo sokukhululeka kwabemi boMzatsi Afrika bomgquba nabafiki babo kumagqwirha eentlanga.

Andiphezi ke ukuthi ndahlukana nepolitiki, kodwa sele ndide ndabe nditshilo, azindidluli okwesiduli izinto ezenzekayo ngokusingise kwipolitiki, ndizithathe ke ndizizise eBantwini esingabo.

ABantu bebembomba yonke le nyanga bekusithiwa yeyenkululeko, besithi abakayiboni bona le nkululeko kuliliselwa ngayo. Bebebalula indlala esidlikidlwa yiyo, ukunqongophala kwemisebenzi, nokondlana kwezikhakhamela ezithwalisene indwe zingayifanelanga.

Uyaphosa ukuqiqa ke umntu endinguye ukuchaza inkululeko ngolo hlobo. Akusekho mntu ucinezelweyo ngoku. Wonke umntu unelungelo lokuyimangalela ngempumelelo nayiphi na ingcinezelo athi adibane nayo.

Okona kwenzekileyo ekuchazweni kwenkululeko kukuphanjaniswa kwentsingiselo. Indlala nentlutha aziyongcinezelo, zingeyiyo nenkululeko, koko yimiphumela yezenzo zomntu.

Abantu bathi kwakungcono ingcinezelo kunenkululeko esixhamla yona ngoku. Andazi ukuba kukuthini na ukuthi umntu akugula sisifo simbi asukele owamnyanga esokuqala ngelixa ezukisa owambulalayo! Ayizange yabangcono ingcinezelo mawethu, ingazange yahluthisa namntu. Abantsundu ababehlutha ngalo mihla babengahluthiswa yingcinezelo, babezondla ngokwabo. Ngoongcothoza bodwa ababesondliwa yingcinezelo; besondliwa bevalelwe ehokweni ngokweehagu!

Umntu ontsundu owayehlutha wayese achukelwe ngabengcinezelo endaweni yokumxhasa, bamtyhole ngokuxhasa umzabalazo ngemali. Othi wayesondliwa yingcinezelo makasose aligqibe athi yena wayengungcothoza ngemihla yethu yobubi kweli lizwe! Akuba etshilo ke athule athi tu, etyise isisu eso sengcinezelo ke.

Ukuba inokubuyiswa ingcinezelo, kwabathi kwakungcono kwayona, inene ukudla kwephezolo kungabuthwa emaqatheni endodeni imile yintshutshiso engenalusini yengcinezelo!

Ndisuka nditshixizelwe ngamazinyo ndakuva abanye bethu bememelela ukubuyiswa kwesigwebo sentambo ngenxa yemikhuba eyandileyo. Kanti ke ukucinga phambi kweenzwane wakuxakeka yingozi!

Inyaniso kukuba idemokhrasi isibhidile. Idemokhrasi kaloku ithi “ukuba isininzi sithanda ukuma kwesiyatha, siyema ke, nokuba igcuntswana leengqondi lithini na”! Ngumthetho wolawulo lwentando yesininzi oyi-ankile ke lowo.

Sele ndide ndabe ndizithethile ke ezi zinto, buninzi ubuyatha obenziwa ngabasemagunyeni kwezopolitiko malunga nokuhambisela phambili inkululeko phantsi kolawulo lwentando yesininzi, ukuze namhla singabi nabantu abathetha izinto ezoyikisa kangaka. Imisitho yenkululeko imele ukumanya wonke umntu, ingakheth’ izinen’ ukufuma. Mayifikelele naphaya kuNgcengane. Ayisiwa ke, endingaziyo ukuba kucingwa ntoni na ngenxaxheba yabantu bakuthi kule nkululeko sele bade babe bathetha ezi zimanga bazithethayo nje.

Ingaba oku kukuthi babelunge ngokuya sasixhonkxelwa ukuthatha eli lizwe, ze kube ke ngoku abasenandawo salithathayo nje ilizwe? Ndaza ndakuva ke zwindini!

Le misitho iququzelelwa ngeemali zabarhafi, kungakhathaliseki nokuba uphantsi kwawuphi na umbutho wezopolitiko. Nokuxhamla makube njalo ke.

Wumbi wothi kumenywa wonke umntu, ngabo abase bakhethe ukuyoxhentsa ezindleleni bephikisana nolawulo lwentando yesininzi, njengamaqela aphikisayo ke. Kodwa ukuba ubaza iliso nengqiqo, le misitho ibangwa calanye.

Umzekelo, ongumchasi we-ANC obezimase umbhiyozo wenkululeko omkhulu inokuba usindile ukuba angahlanzi zezinye zeentetha zeenjoli zomsitho, ziwusuzela umsitho kawonke-wonke ngokwenjenjalo.

Wumbi wothi bezisebenzisa ilungelo lazo lokuvakalisa izimvo zazo ngokukhululekileyo. Kwelo ke elam lithi, “inkokeli yokwenene ayisoloko ikhululekile, kwaye igqala inkululeko yabantu bayo ngaphezu kweyayo”.

Abasemagunyeni bamele kuqhubela phambili imigqaliselo yenkululeko nolawulo lwentando yesininzi. Bamele kuphuma ngendlu baye ebantwini bakuthi babafundise ngedemokhrasi, bazoyeka ukukhetha ingcinezelo sele bekhululekile. Hele bafondini! Goba msebenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba