Abakhwetha babhubhile emva kokutsha besebhumeni

 

Ngabakhwetha ababini abathe babhubha ngoko nangoko emva kokuba ibhuma yabo itshe yaluthuthu eNtabasgogo kuQumbu kule mpelaveki.

 

Isithethi sesebe lezempilo uSizwe Kupelo ukungqinile oku esithi abakhwetha abangamashumi amabini anesithathu, kwesi sihelegu sokutsha kwebhuma, bathe baleqiswa kwizibhedlele zaseMthatha nakuQumbu, ngenxa yomonzakalo kulandela ukutsha. 


UKupelo uthi imeko yabanye kwaba bakhwetha, imbi kakhulu.

 

Akucaci esona sizathu sibangele ukutsha kwale bhuma, amapolisa akuQumbu ayaqhuba nophando lwawo.

 

Kusenjalo, uKupelo ukwabhengeze ukuba bakhona abakhwetha ababini abathe babhubha eLibode naseNgqeleni, apho iimpawu zokunqongophala kwamanzi emizimbeni yabo kuchazwe njengesinye sesizathu.

 

Iingcibi kwakunye namakhankatha angoonomgogwana – belishumi elinanye bebonke -bathe babanjwa eLibode naseNgqeleni kwiveki ephelileyo emva kokubonwa beqhuba isiko lolwaluko bengagunyaziswanga.

 

UKupelo uthi isebe lezempilo ephondweni likhuphe imali ekwizigidi ezilishumi elinesithathu (R13 million) ukulwa nombandela wokubhubha kwabakhwetha.

Le mali iquka ukongezwa kwenani labongikazi noogqirha bokujongana nabakhwetha abangeniswa kwizibhedlele zephondo.

 

UKupelo ukwathe zizithuthi zohlobo lwe-4×4 ezingamashumi amathathu anesihlanu ezincedisa ekujongeni undonakele kwiibhuma ngeebhuma zeli phondo kweli xesha lolwaluko lwaphakathi enyakeni.

 

Ukanti, ngabakhwetha abakumashumi amathathu abathe bahlangulwa kwindawo yolwaluko engekho semthethweni eScenery Park, eMonti ngeCawe, emva kokuba umzali wale ndawo ekhalaze kwabasemagunyeni ngokubona inkwenkwe yakhe, eneminyaka elishumi elinesixhenxe, ethe yoluswa ngaphandle kwemvume yakhe.