AbakwaMadikizela batyelele kwaMandela eQunu

Phambi komzi wakwaMandela eQunu ngoLwesine

Usapho lakwaMadikizela eMbhongweni eMbizana lutyelele kwaMandela eQunu ngoLwesine, ukuya kubika ngokusesikweni umphanga wokubhubha kukamam’ uWinnie Madikizela-Mandela.


“Bafike apha ekhaya besithi bazokubika umphanga ngokusesikweni, besithi abafuni siwuve ngabeendaba kuphela. Siyivuyele kakhulu le nto bayenzileyo, kuba kaloku ibonisa ubudlelwane phakathi kosapho lakwaMandela nelo lakwaMadikizela,” kutsho uNosinala Mandela, inkosikazi katat’ uNapilisi Mandela.


Umzi wakwaNapilisi Mandela eQunu, ngoyena mzi unendoda endala kolu sapho lakwaMadiba.


Iingxelo zithi abakwaMadikizela, baqale ngqo kumzi kaNelson Mandela eQunu kodwa abakhange bakwazi ukungena esangweni, emva kokugqugula noonogada abahlala kweli sango.


Kwilali yaseQunu bekuzolile ngoLwesine, abantu beyimiqodi – beqhuba imisebenzi yabo yesiqhelo efana nokuhlamba iimpahla, ukukhaphela iinkomo kwaneminye imisetyenzana yasekhayeni.


UNomathemba Tshangana (41) waseQunu uthi noxa engamazi ubuso ngobuso uMadikizela-Mandela, kuninzi akufunde kuye. “Umam’ uWinnie usifundise ukuzimela njengamakhosikazi. Usifundise ukuba singakwazi ukulwa amadabi ethu ngaphandle kokuxhomekeka kootata. Ngokokubona kwam mna, bekufanele ukuba siyabubhiyozela ubomi bakhe kuba usishiye nento,” kutsho uTshangana.


Urhulumente wephondo laseMpuma Koloni ucwangcisa ukubamba inkonzo yesikhumbuzo yephondo eMbhongweni eMbizana kwiveki ezayo.