‘AbakwaMakeleni bahleli kumhlaba webandla lethu’

Umzi wakwaMakeleni okwiyadi yebandla iArmy of Christ Ministries eNdevana, eQonce / Phezulu: UPhumza noAndile Makeleni ngaphakathi IMIFANEKISO: Abongile Ginya

Iinkokeli zebandla i-Army of Christ Ministries eNdevana eQonce, ziwaphikile amabango esibini esikhubazekileyo esikhala ngelithi umfundisi weli bandla uyabagxotha kumhlaba abaqala bafika kuwo ngakwityalike yeli bandla.

Kutshanje I’solezwe belipapashe inqaku ngesibini sakwaMakeleni, uPhumza noAndile Makeleni, esikhala ngelithi asisalali behlayo ubuthongo ngenxa yokoyika ukukhutshwa kwityotyombe abalakhayo kufuphi nale tyalike.

AbakwaMakeleni bathi ngumhlaba wabo lo bakhe kuwo, kodwa iinkokeli zeli bandla zithi akunjalo.

Umama uXoliswa Twalani weli bandla uthe: “Asikhuphanga bantu kumhlaba wabo, la mhlaba asingowabo ngumhlaba wethu esawuthenga nge-R10 000 kuMnu. Veveza, ngenyanga yeSilimela ngonyaka ka2010.”

“Xa sigqiba kuthenga isiza, uMnu. Veveza wabiza ikomiti esithi makuyiwe kusapho lakwaMakeleni, esithi akayazi ukuba bangena njani kulo mhlaba wakhe. Kodwa emva kweminyakana sihleli nabakwaMakeleni sabona sithukwa ngu-Andile, esithi yena wafika kuqala kunomfundisi [uBonginkosi Twalani], ngoko ke akazukususwa ngabantu baseTranskei,” utshilo uXoliswa.

Umfundisi uthe wakubona ukuba uyathukwa, waya emapoliseni eyokuxela ukuthukwa nguAndile.

UXoliswa uthi abakwaMakeleni babelinikiwe ithuba yinkundla ukuba baphume kula ndawo “kuba ayoyabo, yeyethu – kodwa abazange bayenze lo nto”.

“Aba bantu bahleli endaweni yethu, kodwa bayaqhubeka besiphatha gadalala ngokwasemphefumlweni, aba bantu bakwaMakeleni babeyinikiwe indlu ngabasemagunyeni qha abayifuni.

“Xa benokuthetha inyani batsho ukuba asiyondawo yabo leya ndicinga ukuba umfundisi angabaxolela abayeke bahlale phaya,” utshilo uXoliswa.