AbakwaSANRAL batyelela izikolo eBCM

Abafundi bezikolo ezohlukeneyo kwilokishi yaseGinsberg ebebezimase inkqubo kaSANRAL Umfanekiso: BHEKI RADEBE

ZIZIKOLO eziliqela zaseBuffalo City ezithe zaxhamla kule veki kwiphulo leArhente yezeNdlela, iSANRAL, ejikeleza kule ngingqi ukufundisa abafundi abakumabanga asezantsi malunga namakhondo nezifundo abanokuthi bazilandele xa besesinaleni kwanaseyunivesithi.

NgoLwesibini, le Arhente ibikwiHolo yoLuntu eGinsberg eQonce apho bekubuthelene khona abafundi abaphuma kwizikolo ezingamashumi amabini anesibini. Uninzi lwaba bafundi abe bezimase lo msitho, bafunda uGrade 9.

UWelekazi Nyangiwe-Ndika, umnxulumanisi kubudlelwane nabathabathinxaxheba kwaSANRAL, uthi eli phulo liza emva kokuba: “Siqaphele ukuba kukho ukushokoxeka kwezakhono ingakumbi ezo zifuna izifundo zezibalo nenzululwazi, sibe thina sisebenza ngabantu abaziinjineli zolwakhiwo (civil engineering).”

“Apha sifuna ukuyibethelela into yokuba siyakwazi ukubaxhasa abafundi ingakumbi xa bephumelela kwizifundo zezibalo, isiNgesi nenzululwazi,” utshilo uNyangiwe-Ndika.

“Sinazo iibhasari kwaSanral zokuncedisa abafundi abasuka kumakhaya angathathintweni. Siyamxhasa umfundi ophumelela ngaphaya ko-65% kwinzululwazi nezibalo ukusuka kuGrade 10 ukuya phezulu,” utshilo uNyangiwe-Ndika.

UNtombikazi Tsomo wesebe lezeMfundo, ojongene nezoluleko ngobomi kubafundi abakumabanga asezantsi, uthe: “Silapha ukunika iingcebiso kubafundi ngeendlela zokuchonga izifundo ekufuneka bazilandele xa besesinaleni. Le nto yenza ukuba abafundi bakwazi ukucwangcisela izifundo ekufuneka bazilandele xa besesinaleni.”

“Siqaphele ukuba abafundi bathi bakufika eyunivesithi bafike bengazi ukuba benze ntoni. Ubone umfundi eyeka phakathi ngenxa yokuba uchonge izifundo ezingangqinelaniyo nemidla yakhe,” utsho uTsomo.

Umfundi kaGrade 9 eThembabantu High, uxelele abafundi ukuba xa ubani egxile kwiincwadi angaphumelela.

Eli phulo leSANRAL likwatyelele iindawo ezifana neDimbaza naseDuncan Village.