AbakwaSARS balumkisa oosomashishini abancinane

Inkampani yeenkonzo zerhafu eMzantsi Afrika (SARS) ilumnkisa uluntu lweli ingakumbi abo bangabanikazi bamashishini asemancinane malunga nabantu abalahlekisa osomashishini bezenza abasebenzi abakwaSARS nalapho batshutshisa uluntu ngenkani ekubeni lubhatale imali leyo bangekayihlawuli.

USARS, kwimbalelwano yakhe udize ukuba bonke oosomashishini nabani na onengxaki okanye onemali angekayihlawuli kwaSARS makaye ngqo kumagumbi abo kwaSARS, nto leyo izokwenza abantu bangabi ngomaxhoba okutyelwa iimali zabo ngaba banobuqhophololo bafuna abantu babhatale kubo ngenkani.

USARS ukudiza oku emveni kweziganeko zakutshanje apho uluntu belukhalelwa ukutshutshiswa kwalo ngabantu abazibiza ukuba ngabakwaSARS befuna imali.

“Akukho mali efanele ukuba ibhatalwe esandleni emntwini. Kungenjalo ukuba kukho oze ngenyawo kuwe efuna imali kwangoko mchaze emapoliseni.” itshilo imbalelwano yakwaSARS