IArhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yoMzantsi Afrika (Sassa) idize imihla abantu abaza kufumana iinkamnkam zabo zikaSassa neCovid-19 SRD (Social Relief of Distress) kweyoMqungu ka2025.
ISassa, iziko leSebe loPhuhliso loLuntu, ibhengeze ukuba le yimihla yokuhlawulwa kwenkamnkam kweyoMqungu ka2025:
- Inkamnkam yabantu abadala iza kuhlawulwa ukususela ngoLwesihlanu we3 kweyoMqungu 2025 (oku kuquka izibonelelo eziphantsi kwezi akhawunti).
- Inkamnkam yabakhubazekileyo iza kuhlawulwa ukususela ngoMvulo we6 kweyoMqungu 2025 (oku kuquka izibonelelo eziphantsi kwezi akhawunti).
- Inkamnkam yabantwana iza kuhlawulwa ukususela ngoLwesibini, nge7 kweyoMqungu 2025.
AbakwaSassa bathi akukho mfuneko yokuba abantu abafumana le mali bakhuphe imali ngosuku lokuqala njengoko imali iza kuhlala kwiakhawunti de bayikhuphe xa beyidinga.
Kwabo bafumana intlawulo yeCovid-19 SRD, imihla yentlawulo kweyoMqungu yile ilandelayo:
- Iintlawulo zabantu abavunyiweyo kwinyanga yoMqungu 2025 ziya kuhlawulwa ukusuka ngomhla wama25 ukuya kuma31 kweyoMqungu 2025.
Abantu kufuneka bajonge ubume babo kumnatha weSRD ukuze bajonge umhla ochanekileyo abaza kufumana intlawulo kwiakhawunti yabo yebhanki.
Ukunyuswa kwezibonelelo zeSassa
Kulo nyaka, iSassa ikwabhengeze ukonyuka kwezixa-mali zezibonelelo eqale ukusuka kweyeDwarha 2024.
NgokukaSassa, ezi zizixa-mali ezintsha zezibonelelo:
- Inkamnkam yabantu abadala (abangaphantsi kweminyaka engama75): ukunyuka ukusuka kwiR2180 ukuya kwiR2190.
- Inkamnkam yabantu abadala (abo bangaphezulu kweminyaka engama75): ukunyuka ukusuka kwiR2200 ukuya kwiR2210.
- Inkamnkam yamagqala emfazwe: ukunyuka ukusuka kwiR2 200 ukuya kwiR2210.
- Inkamnkam yabakhubazekileyo: ukunyuka ukusuka kwiR2180 ukuya kwiR2190.
- Inkamnkam yabaxhomekeke kukhathalelo: ukunyuka ukusuka kwiR2180 ukuya kwiR2190.
Eli bali liqale lavela kwi-IOL.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!